UJames ukhangela amathuba eGoli

Isolezwe lesiXhosa - - EZEMIDLALO -

OWAYEFUDULA enguKapteni weChippa United, uJames Okwuosa, ukhangela iqela anokuthi limnike ithuba lokudlala kwakhona.

Lo mdlali wasemva udinga iqela emva kokukhululwa yiChippa. Kule sizini, uJames akakwazanga ukufumana ithuba lokudlala phantsi kwabaqeqeshi abathathu abaqeshwe yiChippa kwisithuba seenyanga ezimbalwa.

Ngoku iingxelo zithi lo mdlali welizwe laseNigeria uzilolonga kwinkampu yeHighlands Park phantsi kweliso elibukhali likaOwen Da Gama – apho kucingeleka ukuba angaqeshwa khona ukuba indlela aqhuba ngayo iyabanelisa abaqeqeshi.

Emva kokudlala kakuhle kwiChippa kwiisizini ezigqithileyo – uJames wathathwa yiOrlando Pirates kodwa ngelishwa lakhe, izinto zange zimhambele kakuhle kuyo.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa

© PressReader. All rights reserved.