Uphinde waduka uZakri

Isolezwe lesiXhosa - - EZEMIDLALO -

UMDLALI weMaritzburg United, uYannick Zakri, akaziwa ukuba uphi. Oku kulandela ukungabuyi kwakhe kwikhefu lokuphela konyaka.

Lo mdlali utyikitywe yiTeam of Choice kunyaka ophelileyo emva kokudlaliswa kwiMamelodi Sundowns. Phantsi kwabaqeqeshi abatsha, uMuhsin Ertugral noMabhuti Khenyeza, bekulindeleke okokuba uZakri afumane ithuba lokuvuselela ikhono lakhe lokudlala ibhola ekhatywayo.

UMuhsin unethemba lokuba lo mdlali uyakubuyela ezingqondweni emva kokungabonakali phambi komdlalo weveki ephelileyo.

“Ndinethemba lokuba uZakri uyakubuyela ezingqondweni ngoba ungumdlali odlala kakuhle – kodwa kubalulekile ayithobele imithetho yeqela,” utshilo uMuhsin. Ayikokokuqala uZakri engabuyi kokwabo.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa

© PressReader. All rights reserved.