UNonina ukhangela iintanga zakhe kwihlabathi

Isolezwe lesiXhosa - - EZEMIDLALO - PEDRO MAPELO

IMBETHI-MANQINDI yaseDutywa, uBukiwe “Anaconder” Nonina, ithi kulo nyaka mtsha iza kukhangela iintanga zayo kwamanye amazwe.

UNonina uxelele I’solezwe lesiXhosa oku emva kokubetha uBabalwa Nonqonqotho kumlo weBantamweight kwitumente yamanqindi ebibanjelwe kuGatyane phambi kokuphela kuka2018.

Emva kokusokolisana kwimijikelo esibhozo, uNonina ukwazile ukuphumelela umlo ngamanqaku. Nakubeni belindeleke angawutsali umlo ude ufike ekugqibeleni – kodwa intshatsheli yeBantam weight ithi iye yanyanzeleka ukuba isebenzise ingqondo.

UBabalwa yimbethimanqindi esebenza kakuhle – kodwa zange akwazi ukumongamela uBukiwe amathuba okwenza oko enawo.

“Besinokuvuya ukuba besiphumelele umlo ungekapheli ngoba sijonge omnye umlo ozayo. Kodwa sikwazile ukulwa ngoba besikulungiselele ukuphumelela. Impumelelo endiyifumeneyo ibifana nje nomlo wokuzilolonga kum. Bendikurhalela ukuya ngamandla – kodwa ndabuya ndacinga ukuba ndilwa nomntu oze esazi ukuba uza kubani. Ndisebenzise amava nengqondo. Bendingenalo ixhala lakhe ngoba bendizilungiselele kakuhle. Nangoku nokuba kungathiwa mandilwe eminye imijikelo. Bendingenalo tu ixhala, qha xa uyintshatsheli kufuneka uhlale ulumkile ngamaxesha onke. Ndilwile nabantu abe bendinyantsa – kodwa ndababonisa,” utshilo uNonina emva komlo.

UNonina uthi ngunyaka wakhe wokukhula lo kwaye ufuna ukuzigxama kwezinye iintshatsheli zamazwe aphesheya.

UNonina uza kulwa noSarah Mahfoud ngomhla weshumi elinesibhozo kule nyanga eDenmark.

“Singalwela itayile kwezinye izigaba. Usaqala unyaka sifuna ezinye iitayitile ukuze sifumane amava – hayi apha eAfrika. Kudala ndihleli kwindawo enye. Kunyaka ozayo ndifuna ukuya kwelinye inqanaba,” ivale ngaloo mazwi intshatsheli.

UMFANEKISO: PEDRO MAPELO/ANA

UBukiwe Nonina nomqeqeshi wakhe uEmmaunel Mutayhatsindi emva kokuphumelela kuGatyane

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa

© PressReader. All rights reserved.