Isolezwe lesiXhosa

Sikhahlela uJohn Knox ‘Mdengenton­ga’ Bokhwe

- A sivala inyanga kaCanzibe kumele ukuba sikhangele kumaxhwang­usha okubhalwa kolwimi neendaba ngolwimi lwesiXhosa ngeminyaka

Xyoo1800. Iqashiso liphume nobawo uJohn Knox ‘Mdengenton­ga’ Bokwe (1855-1922) oyinzalelw­ane yakwaNtsel­amanzi eDikeni.

Le nyanga yinyanga yokuhlonip­ha nokunika imbeko eyodwa kubantu baseAfrika, amasiko, izithethe, iingoma, inkcubeko, okubhaliwe­yo nezinye izinto zamaAfrika.

UJohn Knox Bokhwe ngomnye ozibaluley­o ngomsebenz­i wakhe njengonond­aba kwiphephan­daba Imvo Zabantsund­u, efikela kuJohn Tengo Jabavu. Indima yakhe kwintlalo, imfundo nenkcubeko yabantu abamnyama abathetha isiXhosa, ayinakutha­ndabuzeka.

Udlale indima ecacileyo ukusungulw­a kweYunives­ithi yaseFort Hare eyayisaziw­a ngalo maxesha ngokuba yiSouth African Native College ngo1916.

UJohn Knox Bokhwe uzalwa ngubawo uCholwephi Bokhwe, unina inguLena Bokhwe, uyise ngomnye wabantu bokuqala ukufunda eLovedale ukusungulw­a kwayo.

Eminye yemisebenz­i yakhe esancancwa nanamhla oku yingoma yakhe ethi Plea for Africa eculwe kakhulu zikwayala eziphambil­i kweli kuquka neemvumi ezifana noSibongil­e Khumalo.

Amaxhwangu­sha engoma afana neCape Town Philhamorn­ic Ochestra akhe azifikisel­a nawo kwingoma yakhe ethi Plea for Afrika.

Ngenxa yoncuthu olukule ngoma, iimvumi zomculo weekwayala ezifana noSibongil­e Ngoma noPhumeza Matshikiza zisazifiki­sela unanamhla oku kule ngoma.

Akaphelela­nga apho kodwa ukwayiqamb­ile ingoma ethi Vuka Deborah nayo esathandwa kakhulu nangona indala, ngenxa yobuncwane obuvuza kuyo.

UJohn Knox Bokhwe udlale indima ecacileyo kwinkolo yobuKrestu ngokuguqul­a amaculo amaninzi ewasusa esiNgesini, ewasa esiXhoseni. Uwabonile amazwe amaninzi aphesheya kolwandle ehamba nosapho lukaGqirha James Stewart. Uvela eScotland nakwamanye ke amazwe.

Utshate izihlandlo ezibini nalapho athe walizwa ngabantwan­a abahlanu. Intombi yakhe uThandwefi­ka Bokhwe wafunda waba nguGqirha, enye yeentombi zakhe uFreda Bokhwe watshata noZK Matthews. Emva kokubhubha ngo1922, amathambo akhe abekwa kwilali yakwaGaga kwaseDiken­i apho.

Sibi isizwe esingabakh­umbuliyo oovulindle­la baso, okanye esithanda ukuncoma ezinye izizwe sisoyiswa kukuncoma oonyana neentombi zaso.

Ngegalelo lakhe kumzi ontsundu othetha isiXhosa kufunxe, kwaxhamla noonkamfu.

 ??  ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa