Isolezwe lesiXhosa

‘Ebekhuthel­e, ethanda uphuhliso’

- YeSilimela. UZILIWE embhoxweni waseMpuma Koloni emva kokuswelek­a kukaMnu uSipho Metula ngoLwesibi­ni umhla wesibini kule nyanga

KNgokwengx­elo, uMetula undulukele kwelooyise­mkhulu emva kokuhlasel­wa yingulo enamashumi amane anesithath­u eminyaka.

UMetula uyaziwa embhoxweni kwilizwe lonke ngoba ebengumqeq­eshi weqela lombhoxo, iWalter Sisulu University (WSU All Blacks), ebidlala phantsi kweFNB Varsity Shield.

Indlela ayakhe ngayo iWSU All Blacks eyaziwa ngokudlala umbhoxo osezingeni eliphezulu namhlanje, lo nto yenye yezinto ezibangele ukubhubha kwakhe kushukumis­e abantu abaninzi.

Indoda ebibambe indawo yakhe ngethuba engaphilan­ga, uAkhona Mgijima, imchaze njengomntu obeyithand­a imidlalo, igorha ebelizinik­ele lubeka phambili uphuhliso lwabadlali abasuka kwiindawo ezihlelele­kileyo.

“USipho ebeligorha lendoda, umqeqeshi obekhuthel­e kakhulu futhi elithanda kakhulu uphuhliso, ngakumbi olwabadlal­i abangathat­hi ntweni.

Ngethuba engumqeqes­hi, ukwazile ukwakha iqela lombhoxo laseWalter Sisulu University eliqala phantsi lade laluqilima.

Ulityhutyh­e lonke eli phondo ekhangela abadlali bombhoxo abanetalen­te abefuna ukubalola ukuze bakwazi ukudlalela iWalter Sisulu University All Blacks.

Konke oko ebekwenza kuba ebefuna ukuvelisa abadlali abaza kuziqaqamb­isa kwinqanaba eliphezulu embhoxweni weli lizwe.

Umfo kaMetula unikele ngexesha nobomi bakhe waze wazenzela igama embhoxweni ngokuthath­a iWSU All Blacks ayise kwiVarsity Shield edlalwa ngamaqela eeYunivesi­thi zonke zaseMzants­i Afrika.

Ukuwa kwakhe iza kuba liliva elibuhlung­u kakhulu kubadlali beqela lonke ngoba bebemhloni­pha kakhulu.

Silahlekel­we futhi sixhelekil­e kukuhamba kwakhe, utshilo uMgijima.

UMetula uyishiya iWSU iphakathi kwamanye amaqela ombhoxo aphezulu eMpuma Koloni.

Nangona iWSU All Black ingakwazan­ga ukunyukela kwiVarsity Cup emva kokusokoli­swa yiMadibaz enyuselwey­o kodwa uyishiya idlale umdlalo ophucukile­yo kulo nyaka emva kwesizini esongwe ingagqityw­anga ngenxa yekhorona.

UMetula, owayekhe wangumdlal­i oqaqambile­yo nakwiqakam­ba ngeentsuku zakhe zobutsha, ushiya ngasemva iintombi zakhe nabanye azalwa nabo.

Ungcwatyel­we ekhayeni lakhe eXesi.

 ??  ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa