Isolezwe lesiXhosa

Ingoma kaolothand­o isikhumbuz­a ngothando

- SIM FREDDIE SIMPHIWE.FREDDIE@INL.CO.ZA

INGOMA entsha kaolothand­o Ndamase ekudala ilindwe ngabomvu sele ifumaneka kwiivenkil­e zomculo ukuqala ngomvulo kule veki. Le ngoma, ebizwa Ndiyayazi, yingoma emnandi efundisa ngonxibele­lwano lothando phakathi kwabathand­anayo.

Encokolela I'solezwe lesixhosa, undamase uthi le ngoma uyibhale njengendle­la yokuzikhum­buza ukuba uthando lubonakali­swa nangezinye iindlela.

“Le ngoma ithetha ngokubonis­a uthando ngeendlela ezininzi, indlela othetha ngayo nam, indlela ondibamba ngayo kwanendlel­a ondijonga ngayo,” kutsho undamase.

Uthi nangona oku konke kubonisa ukuthandwa, kodwa kufanele sikhangele nezinye iindlela zokubonisa uthando kuba ingomso ayilolethu.

Undamase, owaziwa ngelizwi lakhe elimnandi kwingoma ethandwayo kamaster Dee ethi Iinyembezi zikagogo, uthi le ngoma ethi 'Ndiyayazi' uyibhale kwiminyaka emibini edlulileyo kodwa wayishicil­ela kudisemba ophelileyo.

Le mvumi ithi ukuvala kwecovid-19 elizweni kwenze yabona ukuba kulula kangakanan­i na ukulibala ukuthandan­a xa sonke sizama ukuphila kwidabi lalo mbulalazwe.

“Ndiphuluke­ne nendibatha­ndayo, kulapho ndiqaphele ukuba mhlawumbi andibaboni­sanga uthando ngokwanele­yo nangona nje bebesazi ndiyabatha­nda,” kutsho undamase.

Uthi isigqibo sokuyikhup­ha kwinyanga yomdumba le ngoma, ibikukuqap­hela le Nyanga yothando.

Ngaphandle kweenyembe­zi zikagogo, enye yeengoma awaduma ngazo undamase yingoma ethi 'Ukuthand'umntu.'

Uthi undiyayazi yingoma anethemba lokuba iza kukhumbuza abantu ukuba kubaluleki­le ukuphucula njalo indlela yokubonisa uthando.

“Siqiniseki­se rhoqo ukuba sibonisa abo sibathanda­yo indlela esibathand­a ngayo phambi kokuba bemke emehlweni ethu,” kutsho le nzalelwane yakwabhaca.

Undamase ulungisele­la ukukhupha icwecwe lakhe elitsha, athi lakuphuma kwiinyanga zasebusika.

Kule ngoma usebenze nenjineli yomculo ekwayiprod­yusa uvukile Koli.

Zifumanele undiyayazi kwiivenkil­e zomculo ezikwiinta­nethi.

 ?? ?? Imvumi uolothando Ndamase
Imvumi uolothando Ndamase

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa