Isolezwe lesiXhosa

Kusungulwe iphulo lokuphuhli­sa ulimo

- STAFF REPORTER

NGOSUKU obe lugqatse ubhobhoyi kwimpuma Koloni iphela kuvakale intsholo emyoli kumathafa ebala lasemfundi­sweni Mission ngethuba amafama ahlala kufutshane aye achongelwa inkqubo yophuhliso lwezolimo ngabakwabo­xer beqhogene new&r Seta Agri-project.

Le projekti ithembisa ngokuguqul­a ubomi bamafama angaphaya kwamakhulu amathathu asempuma Koloni kwaye iphehlelel­we embindini wenyanga yomdumba.

Le ngqokelela yamafama iphuma kwiindawo ezikufuphi nakwiidolo­phana ezithe bhazalala ngokuthi ichongwe kwiphulo lokuphuhli­sa izakhono nolwazi lwawo obe lusetyenzi­swa nguboxer new&r Agri-project. Inxalenye yolu qeqesho ibandakany­a ibakala lokuba la mafama aza kuthi avelise iziqhamo nemifuno eza kuthengisw­a koobhazabh­aza beevenkile zakwaboxer kuzwelonke.

Kungoku nje la mafama abila ibunzi exhinkxwa ngesilabha­si elungisele­lwe wona ukuze akwazi ukusebenzi­sa imali, ukwandisa amathuba awo wokungenel­a kwizivumel­wano, ingakumbi zorhwebo nonaniselw­ano nevenkile yakwaboxer kuphela.

“Kulo nyaka ka2022 ivenkile yakwaboxer ifinca iminyaka engama45 sinikela inkonzo eluntwini, ngoko ke ukuba yinxalenye yamaphulo afana nala kusivuyisa kakhulu. Sichonge amafama angama300 ukuba abe yinxalenye yolu qeqesho ukuze akwazi ukusitheng­isela imveliso esemgangat­hweni. Ininzi indingeko yokuba aqeqeshwe azimiseley­o ukuze akwazi ukusebenza ngempumele­lo. Uboxer ukholelwa kwelokwenz­a umahluko eluntwini,” utshilo oyinqokonq­oko kwaboxer untombi Dludla.

Abakwaw&r Seta baqalise uqeqesho kule mishini yodumo kwaye baza kutyelela iidolophu ezifana neflagstaf­f, Bizana, Lusikisiki, Port St Johns nentabanku­lu bekwaqhuba olu qeqesho, beqiniseki­sa ukuba bashiya umgangatho ophezulu wolwazi apho. Ukanti uqhubeka enika la mafama umrholo wethutyana logama esamfimfit­ha ulwazi kwiingcali zolimo.

“Uboxer uneqela eliphaphe kakhulu kwezolimo neliza kunika iingcebiso kula mafama malunga nendlela yokubiza amaxabiso nokuvelisa ngokomgang­atho ofunwa zivenkile zethu. Baza kuncedwa yimanajela yakwaw&r Seta udeclan Lawson oyingcali,” uqukumbela atsho udludla.

Ukanti le nkqubo itsale ingqwalase­la yomasipala ialfred Nzo District Municipali­ty nethe yavakalisa inkxaso kwisikhoke­lo sasemfundi­sweni Mission namafama alapho.

Le projekti iya kuqukunjel­wa ngomsitho wokunikeze­lwa kwezatifik­eti phakathi enyakeni ku2022, ngethemba lokuba phambi koko isivuno sokuqala somhlaba otyebileyo wasempuma Kapa sakube kukudala sachongway­o sanambithw­a kumakhaya ngamakhaya angabaxhas­i bakwaboxer.

 ?? ?? Iqela lakwaboxer elikhokelw­a nguntombi Dludla ongumbhexe­shi wecandelo lophuhliso kule nkampani limi phambi kwefama eza kuqalisa ulimo kungekudal­a kumhlatyan­a ohlumileyo phakathi Emfundiswe­ni Mission bekunye namalungu ebhodi alapho kwakunye nemanejala yakwaw&r Seta udeclan Lawson.
Iqela lakwaboxer elikhokelw­a nguntombi Dludla ongumbhexe­shi wecandelo lophuhliso kule nkampani limi phambi kwefama eza kuqalisa ulimo kungekudal­a kumhlatyan­a ohlumileyo phakathi Emfundiswe­ni Mission bekunye namalungu ebhodi alapho kwakunye nemanejala yakwaw&r Seta udeclan Lawson.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa