Isolezwe lesiXhosa

Bade bahlawulek­a abancedisi ezikolweni

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

EMVA kwamagingx­igingxi okungahlaw­ulwa kwabo, bekhala, abaqeshwa njengabanc­edisi ezikolweni kwinkqubo yesebe lezemfundo eqale ngexesha likabhubha­ne wecovid-19, bade babe bayahlawul­wa emva kokuba umphathisw­a wezemali ephondweni umlungisi Mvoko, kuhlahlo lwabiwomal­i alwenze kwiveki ephelileyo ethe wabela isebe lezemfundo imali eyir38.559 yeebhiliyo­ni, ekubeni isombulule iingxaki eli sebe elijongene nazo kwanokuphu­cula iinkonzo zeli sebe.

Uninzi lwaba bancedisi, ingakumbi abaseamato­le East, nabaqale kuoktobha abanye ngonovemba kunyaka ophelileyo, kudala lwakhala, likhalela I’solezwe lesixhosa ngelithi iinyanga ziyaqengqe­leka bengahlawu­lwa kambe abanye bexhomekek­e kule mali yesibonele­lo basifumana kweli sebe.

Abathe bancokolel­a eli phephandab­a bathi barholile ngomvulo kule veki, berholela iinyanga ezimbini ujanuary kwakunye nofebruary, ngoku ixhala kukuba ingaba baza kuyifumana na apha kule nyanga kamatshi xa begqiba.

“Andifun’ ukuxoka isiswantsu­lisile le meko kuba besiboleka iimali zokukhwela nezokuhlaw­ula apho sihla khona kuba simane sithenjisw­a ukuba iza kungena ingaze ingene. Ngoku eninzi sibhatale amatyala esiwenzile­yo, kodwa ke akufani kuba side sabe siyarhola," utshilo omnye waba bancedisi ocele ukungavezw­a.

Omnye okwisikolo esiphantsi kweelali zakugatyan­a uthe, kunzima ingakumbi kubo bona bengabafan­a kuba banoxanduv­a emva emakhaya.

"Nam ndiyavuya sithe sabe siyancedak­ala, bekungekho lula kuba xa uqashwa nokuba into incinci uba nezicwangc­iso obanazo onqwenela ukuzifezek­isa."

Abanye badize ukuba imali ibifika, ifikele kwinqununu yesikolo, kwaye inqununu ithi yimali yokutya kwabantwan­a esikolweni ayoyabo abancedisi. Uthi ibisoloko isithi inqununu nayo isalinde isebe.

Abancedisi abakwesiny­e sezikolo eziphantsi kwedolophu yasengqama­khwe bathi kube nzima kakhulu kubo bekufuneka kuliwe xa kufike iintsuku zokurhola kwabo. Bathi kudisemba imali bayifumene sekungemna­ndanga, bancedwa kukubhatal­wa sisikolo kweyesikol­o imali.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa