Ayibobudoda ukudlwengula nokubulala!
SIDIBANA apha ngenyanga ebalulekileyo, inyanga yokukhuselwa kwamalungelo oluntu, okubuhlungu kukuba asidibani kumnandi. Silapha sizokuhewula, sizokukhuza ubugebenga obenziwa ngamadoda kubantu ababhinqileyo abangakwaziyo ukuzilwela,” loo mazwi aphuma kumphathiswa wezemidlalo, inkcubeko nobugcisa kweli Phondo, ufezeka Nkomonye, ngethuba ethetha kwiimbizo eqhuba iveki yonke kwindawo yaselusikisiki.
Le Imbizo iqale ngomvulo, iza kuqosheliswa ngomso ulwesihlanu, oku kuza emva kokuba indawo yaselusikisiki iyenye ethe yahamba phambili kwiinkcukachamanani zolwaphulomthetho kuzwelonke ku2020/2021.
Usekela Mphathiswa weli sebe kuzwelonke, unocawe Mafu, ubone kubalulekile ukuba urhulumente angenelele ukuzama ukuthoba isantya ngokuthi kwenziwe amaphulo anje kule ndawo.
Unkomonye uthi lo mmandla kudala usematheni ngobundlobongela kuba nomongameli welizwe ucyril Ramaphosa ngethuba etyelele elusikisiki kwawadi 13, phambi kokuba kufike icovid-19, waseka isikhokelo esiza kubandakanya iinkosi, urhulumente, uluntu, iinkonzo, amapolisa, imibutho engenanto yakwenza norhulumente kwakunye noosomashishini ukuze kukhuselwe abantwana nabantu abadala, emva kokuba umongameli eqaphele ukuba izenzo zokuxhatshazwa kwamanina zininzi elusikisiki.
Unkomonye uthi okunye okwaqaphelekayo kukuba abantu abangoomama abangenayo ingeniso okanye inzuzo emakhaya babangamaxhoba okuxhatshazwa ngootata. Uthi bengurhulumente banoxanduva lokuqinisekisa ukuba abantu abangoomama bathatha inxaxheba kuqoqosho lweli lizwe bancediswe ngokuthi bolulekwe nangokwasengqondweni. Uthi okunye kukuqinisekisa ukuba amaxhoba odlwengulo ayalufumana uncedo kwaye ayakhathaleleka.
Ukwahlabe ikhwelo emadodeni esithi: “Ayibobudoda ukudlwengula, ukubulala nokuzithathela ngolunya emntwaneni. Kufuneka ngoku abantu abaza kuvuma izono zabo phambi kothixo, azokwazi uthixo ukusixolela kweli lizwe. Makuyekwe ukunyhashwa kwamalungelo oomama bootata,” uvale ngelo unkomonye.
Uweziwe Tikana-gxothiwe, nongumphathiswa wezothutho nokhuseleko ephondweni, uthi iphondo libonakalise ukwehla ngo7,4% kumatyala odlwengulo, nangona yona ilusikisiki isabonisa ukunkqenkqeza phambili ngezenzo zodlwengulo. Nokubiwa kwemfuyo nangona kusahamba phambili kodwa iinkcukachamanani zibonisa ukwehla ngo11,7%.
Utikana-gxothiwe ukwathe abantwana kwakunye namanina iya kuhlala ingabo abahamba phambili ekukhuselekeni.
Umkomishinala wephondo emapoliseni, ulieutenant General Nomthetheli Mene uthe: “Kuyafuneka kunconyiwe kwezinye iindawo ezisenza kakuhle nezithe zehla kulwaphulomthetho, ingakumbi ebezikade ziyingxaki nazo ngaphambili. Ukubiwa kwemfuyo nokudlwengulwa kwabantu ibizezona zihamba phambili kweli phondo,” utshilo umene.