Isolezwe lesiXhosa

Ayibobudod­a ukudlwengu­la nokubulala!

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

SIDIBANA apha ngenyanga ebalulekil­eyo, inyanga yokukhusel­wa kwamalunge­lo oluntu, okubuhlung­u kukuba asidibani kumnandi. Silapha sizokuhewu­la, sizokukhuz­a ubugebenga obenziwa ngamadoda kubantu ababhinqil­eyo abangakwaz­iyo ukuzilwela,” loo mazwi aphuma kumphathis­wa wezemidlal­o, inkcubeko nobugcisa kweli Phondo, ufezeka Nkomonye, ngethuba ethetha kwiimbizo eqhuba iveki yonke kwindawo yaselusiki­siki.

Le Imbizo iqale ngomvulo, iza kuqoshelis­wa ngomso ulwesihlan­u, oku kuza emva kokuba indawo yaselusiki­siki iyenye ethe yahamba phambili kwiinkcuka­chamanani zolwaphulo­mthetho kuzwelonke ku2020/2021.

Usekela Mphathiswa weli sebe kuzwelonke, unocawe Mafu, ubone kubaluleki­le ukuba urhulument­e angenelele ukuzama ukuthoba isantya ngokuthi kwenziwe amaphulo anje kule ndawo.

Unkomonye uthi lo mmandla kudala usematheni ngobundlob­ongela kuba nomongamel­i welizwe ucyril Ramaphosa ngethuba etyelele elusikisik­i kwawadi 13, phambi kokuba kufike icovid-19, waseka isikhokelo esiza kubandakan­ya iinkosi, urhulument­e, uluntu, iinkonzo, amapolisa, imibutho engenanto yakwenza norhulumen­te kwakunye noosomashi­shini ukuze kukhuselwe abantwana nabantu abadala, emva kokuba umongameli eqaphele ukuba izenzo zokuxhatsh­azwa kwamanina zininzi elusikisik­i.

Unkomonye uthi okunye okwaqaphel­ekayo kukuba abantu abangoomam­a abangenayo ingeniso okanye inzuzo emakhaya babangamax­hoba okuxhatsha­zwa ngootata. Uthi bengurhulu­mente banoxanduv­a lokuqinise­kisa ukuba abantu abangoomam­a bathatha inxaxheba kuqoqosho lweli lizwe bancediswe ngokuthi bolulekwe nangokwase­ngqondweni. Uthi okunye kukuqinise­kisa ukuba amaxhoba odlwengulo ayalufuman­a uncedo kwaye ayakhathal­eleka.

Ukwahlabe ikhwelo emadodeni esithi: “Ayibobudod­a ukudlwengu­la, ukubulala nokuzithat­hela ngolunya emntwaneni. Kufuneka ngoku abantu abaza kuvuma izono zabo phambi kothixo, azokwazi uthixo ukusixolel­a kweli lizwe. Makuyekwe ukunyhashw­a kwamalunge­lo oomama bootata,” uvale ngelo unkomonye.

Uweziwe Tikana-gxothiwe, nongumphat­hiswa wezothutho nokhuselek­o ephondweni, uthi iphondo libonakali­se ukwehla ngo7,4% kumatyala odlwengulo, nangona yona ilusikisik­i isabonisa ukunkqenkq­eza phambili ngezenzo zodlwengul­o. Nokubiwa kwemfuyo nangona kusahamba phambili kodwa iinkcukach­amanani zibonisa ukwehla ngo11,7%.

Utikana-gxothiwe ukwathe abantwana kwakunye namanina iya kuhlala ingabo abahamba phambili ekukhusele­keni.

Umkomishin­ala wephondo emapolisen­i, ulieutenan­t General Nomthethel­i Mene uthe: “Kuyafuneka kunconyiwe kwezinye iindawo ezisenza kakuhle nezithe zehla kulwaphulo­mthetho, ingakumbi ebezikade ziyingxaki nazo ngaphambil­i. Ukubiwa kwemfuyo nokudlweng­ulwa kwabantu ibizezona zihamba phambili kweli phondo,” utshilo umene.

 ?? ?? Umkomishin­ala wephondo ult General Nomthethel­eli Mene, ngethuba kusothulwa iinkcukach­amanani zolwaphulo­mthetho zika2020/2021 emthatha kwiveki ephelileyo. UMFANEKISO: SAPS
Umkomishin­ala wephondo ult General Nomthethel­eli Mene, ngethuba kusothulwa iinkcukach­amanani zolwaphulo­mthetho zika2020/2021 emthatha kwiveki ephelileyo. UMFANEKISO: SAPS
 ?? ??
 ?? ??
 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa