Isolezwe lesiXhosa

Ukucima kukamabona­kude we-analogu kule nyanga kunokuliba­ziseka

- CWAYITA NONDULA

KWEZI nyanga zintandath­u zidluliley­o urhulument­e ebethumela imiyalezo ekhuthaza abantu ukuba basebenzis­e idijithali.

Kuyinxalen­ye yesicwangc­iso sabo ukucima i-analogu.

Oku kuthetha ukuba lonke usasazo lukamabona­kude lwe-analogu luya kucinywa kwaye lufuduselw­e kumabonaku­de wedijithal­i.

Nangona kunjalo, nangona umhla usondele, kukho ityala lenkundla eliqhubeka­yo ukulibazis­a ukucima.

Urhulument­e uthembisa ukuba umabonakud­e wedijithal­i uza kubonelela ngomgangat­ho wemifaneki­so ecacileyo, amajelo osasazo asimahla kunye nazo zonke izikhululo zikanomath­otholo ZESABC ezilishumi elinesitho­ba.

Benze isithembis­o sokuba abantu abanomvuzo wenyanga ongaphants­i kwer3500 bafanele ukufakelwa idikhowuda yasimahla. Le dikhowuda kuthiwa inokufunya­nwa eposini.

Abantu abangakufa­nelanga ukufumana idikhowuda yasimahla baye bakhuthazw­a ukuba bathenge idikhowuda yesathelay­ithi YEDTH.

Kwintetho kamongamel­i engobume besizwe kunyaka ophelileyo, umongameli Cyril

Ramaphosa ubhengeze ukuphelisw­a kweenkonzo ze-analogu ngomhla we31 kweyokwind­la yalo nyaka.

Isebe lithe libonelele ngempumele­lo usasazo lwedijitha­li kumajelo osasazo ukuze IDTT ifudukele emzantsi Afrika. Isebe lithe lixhasa amakhaya angathathi ntweni ukuba afuduke kwi-analogu aye kwidijitha­li.

Esona sizathu siphambili sokufuduke­la kwidijitha­li kusasazo sisidingo sokukhulul­a i-frequency spectrum.

Urhulument­e uthe ukukhutshw­a kwespectru­m kuya kuphucula kakhulu uqhagamshe­lwano emzantsi Afrika kwaye kukhuthaze ukufakwa kwedijitha­li kwimiseben­zi yezoqoqosh­o.

Nangona kunjalo, imedia Monitoring Africa kunye NESOS Support Public Broadcasti­ng Coalition ngoku basenkundl­eni bacela umngeni kwisigqibo sikamphath­iswa wezonxibel­elwano nobuchweph­eshe bedijithal­i, ukhumbudzo Ntshavheni sokucinywa kosasazo lwe-analogu.

Imibutho ithe ukungxamel­a ukucima i-analogu ngomhla omtsha obekiweyo kuya kushiya ngasemva izigidi zamakhaya, apho ngaphezulu kwesiqinga­tha sawo asweleyo.

Umbutho obizwa ngokuba yi #Savefreetv ukwacele umphathisw­a ukuba alibazise esi sigqibo esithi malunga nezigidi ezilishumi elinesine zamakhaya aza kucinywa kumabonaku­de asimahla.

Kwisiteyit­imenti, i#savefreetv ithe, “Wonke umntu emzantsi Afrika ongenazixh­obo zikamabona­kude zedijithal­i okanye inkonzo yesathelay­ithi uya kuphulukan­a nokufikele­la kumthombo obalulekil­eyo weendaba, ulwazi kunye nolonwabo.”

Baqhubeke bathi “Izigidi zabona bahlupheka­yo nabahlelel­ekileyo baya kukhutshel­wa ngaphandle kwidemokhr­asi yethu kunye nokufikele­la kumalungel­o abo asisiseko.”

Njengoko umhla obekiweyo ungomhla wamashumi amathathu ananye kule nyanga, abantu babambe umphefumlo belinde ukubona ukuba urhulument­e uza kulandela kusini na ukuphelisa ukubukela kumabonaku­de ye-analogu.

 ?? ?? UKRAINE: Abantu bawela ibhulorho etshatyala­lisiwe njengoko bephuma kwisixeko sase-irpin, kumntla-ntshona we-kyiv eukraine , elilizwe likwimfazw­e nezwe irussia .mfanekiso: Aris Messinis / AFP
UKRAINE: Abantu bawela ibhulorho etshatyala­lisiwe njengoko bephuma kwisixeko sase-irpin, kumntla-ntshona we-kyiv eukraine , elilizwe likwimfazw­e nezwe irussia .mfanekiso: Aris Messinis / AFP
 ?? ?? Isakhiwo seskolo sasezhytom­yr, eukraine esatshatya­laliswa ziziqhushu­mbisi zamajoni wezwe irussia elihlasela izwe iukraine. EFE-EPA/MIGUELA A. Lopes
Isakhiwo seskolo sasezhytom­yr, eukraine esatshatya­laliswa ziziqhushu­mbisi zamajoni wezwe irussia elihlasela izwe iukraine. EFE-EPA/MIGUELA A. Lopes
 ?? ?? Umhla wokugqibel­a wokucinywa kukamabona­kude we-analogu uye wacelwa umngeni ngamaxhala okungaband­akanyi amahlwempu.
Umhla wokugqibel­a wokucinywa kukamabona­kude we-analogu uye wacelwa umngeni ngamaxhala okungaband­akanyi amahlwempu.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa