Inqununu eze ngobuso ikhupha iziphumo ezincumisayo
EYONA nqununu isaze ngobuso emzantsi Afrika ibonakalise ngokuphandle ukuzinikela emsebenzini kungakhokelela ekuzigqweseni izifundo zemathematiki kunye nesayensi.
Inqununu yasengqwala Senior Secondary School kutsolo, uabonga Mdze, ominyaka ingama29 ufunqule izinga lempumelelo kwesi sikolo ukusuka kumyinge we45% ngowama2019 wawubeka ku88.6% kwibanga leshumi ebelichophele iimviwo ngo2021.
Umdze waba libambela Nqununu ngeyesilimela ngo2020, saza phantsi kolawulo lwakhe esi sikolo safumana iziphumo ezikumyinge we66% kwiklasi yematriki yalo nyaka.
Oko kwabangela aqeshwe ngokusisigxina njengenqununu ngeyomdumba ka2021 eminyaka ingama28 kuphela.
Umdze ufumene imfundo enomsila ewalter Sisulu University, waphuma nesidanga kwibachelor of Education, waze waqalisa iphupha lakhe lokufundisa awaliqandusela esengumfundi elutuka Senior Secondary School, apho wazibalula ngokufundisa abanye abafundi amaqhinga okuphumelela imathematiki.
“Ngethuba ndifika kwibanga leshumi iindaba zokuba ngumncedi kwimathematiki zazinabe kangangokuba abafundi bezikolo ezikufuphi nelali yam kwafuneka ndingenise iiklasi ngemigqibelo nangecawa,” utsho umdze.
Uqalise ukuhlohla imathematiki ngo2015 EKT Mchasa Senior Secondary School kutsolo, nalapho ifuthe lakhe lavakala zisuka nje kuba waqalisa ukunika abafundi iiklasi ezongeziweyo ngeeholide zobusika nto leyo yanika ufunqu kwiziphumo.
Isakhono sakhe sabonwa ngoogxa bakhe, baze bamvuza ngokumnyulela kwikomiti eyayiququzelela iiklasi ezongeziweyo ngethuba leeholide zobusika kummandla weor Tambo Inland Circuit.
“Umkhombandlela weeklasi ezongeziweyo endaziqala ngo2015 EKT Mchasa Senior Secondary School walandelwa kuba wawuveze iziphumo ezincumisa kakhulu. Kwacaca ukuba masiwuphinde nakwezinye izikolo ezikule seketi.”
Ngeyesilimela ngowama2019, ube yintloko yecandelo lemathematika nesayensi engqwala nalapho abafundi bebenyuka umnqantsa nyakenye kungekho namnye owaphumelelayo kwezi zifundo.
Kodwa okungenani iklasi yakhe yokuqala yafumana u35% kwimathematike yaza no40% kwisayensi.
“Sikwenze ngokuthi sihlanganise iintloko nabanye ootitshala, sipheke iqhinga, sathetha nabazali kunye nabafundi sibeka umbono wethu,” utshilo.
Emva koko umdze uphehlelele iphulo elibizwa ngokuba li-ilima, into ebonisa ‘ukubumbana koluntu ngenjongo enye.'
Abafundi baye bangene iiklasi zohlaziyo ngeempelaveki kwaye nawuphina umfundi webanga leshumi uvumelekile, iinkcukacha zifumaneka esikolweni kutsolo. -GCIS