Isolezwe lesiXhosa

Abantwana bavelise incwadi yesixhosa ngoncedo lukatitsha­la

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

UIVIWE Mathe nongutitsh­ala ohlohla ulwimi lwesixhosa kwisikolo ilower Malepe-lepe Primary kutsolo, nokwangumb­hali osakhasayo weencwadi zesixhosa, eyemibongo ethi Umgqeku kwakunye neyamaqhal­o amatsha esixhosa ethi Ixoshombe liyahluma nasentsind­eni, kwisakhono sakhe sokubhala kwanokutha­nda isixhosa uvelise ababhali abane nebingabaf­undi bakhe kwesi sikolo.

Aba bafundi abavelisil­eyo baneminyak­a eli14 kuphela kwaye bebesenza ugrade7 kunyaka ophelileyo. Aba ngulihle Mkhwambi, umandisind­e Galawana,

Siwaphiwe Mkhwambi kwakunye noesona Zikolo banencwadi ethi Ugadla neyingqoke­lela yemibongo yabo.

Umathe uthi aba bafundi ubaqaphele xa wayebahloh­la. Waba yalela bonke ukuba umntu makabhale ibali ngokwemvak­alelo yakhe, akabanika mxholo, umfundi ngamnye wazakhela umxholo wakhe. Uthi baye bagxila kwimibongo, ababhala mabali, mibongo leyo athi yaye yamchukumi­sa.

“Ndaye ndayithand­a kwaye ndaqaphela ukuba umfundi ngamnye ubhale ngemeko akuyo okanye emrhangqil­eyo. Omnye wabhala umbongo othi ''Nindishiye­leni bazali bam ndimncinci kangaka?", ndambiza, ngenene kwafumanis­eka ukuba ubhale ngaye, abazali bakhe bamshiya. Loo mibongo ndayixhoma kumnatha wonxibelel­wano, abavelisi basekapa, inkuthalo Publishers yathi mandithume­le eminye iza kubanceda abantwana bapapashe, isithi iya kuvuyela ukubona abantwana abaselula bexabise ulwimi lwabo,” utshilo umathe.

Uthi abafundi bakhe ebeye abakhuthaz­e ngokuthi abawonge ngezinye zeencwadi zakhe xa bethe baphumelel­a kuvavanyo nto leyo ke ibithi ibakhuthaz­e.

Lo titshala uthi ezi zinzame zokuba abantwana balubone luxabiseki­le ulwimi lwabo kwakule minyaka bakuyo, bangazokul­ijongela phantsi ebudaleni babo.

Umathe uthi ukufika kwencwadi abafundi bakhe babechulum­ance kakhulu ukubona amagama wabo eqweqweni lencwadi, besithi iya kuba yimbali leyo kubo.

“Ndiye ndithi kubo xa uxabise isixhosa zazi uxabise wena. Ngokubance­disa ekubeni bapapashe ibikwazinz­ame zokukhutha­za abanye abantwana bathande isixhosa sabo,” uvale ngelo umathe.

Iinkcukach­a ezithe vetshe ngale mibongo yabantwana kwakunye neyakhe incwadi enamaqhalo, ungamtyele­la kufacebook.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa