Isolezwe lesiXhosa

Igalelekil­e ingxikela yetumente yebhola emthatha

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

KWENZIWA amatiletil­e okuqinisa inkqubo yophuhliso lwebhola ekhatywayo emthatha. Ekuseni ngentsimbi yesibhozo, oompondozi­hlanjiwe bamaqela ebhola baza kuvana amandla kwitumente yeentshats­heli ebizwa ngokuba yibig 8 Sport Tournament kwibala lasewalter Sisulu University.

Eli velatanci letumente lihlangany­elwe ziinkampan­i ezine. Abalawuli bazo banenjongo yokubangul­a italente elutsheni lweedoloph­u ezifana nengqeleni, umthatha, umqanduli nasengcobo.

Imidlalo ayiphelela­nga ebholeni ekhatywayo kuphela, namaneneka­zi akube ekhuphisan­a emidlalwen­i yomnyazi kwelinye icala.

Iintshatsh­eli eziphume kwiitument­e ezine, zizo eziza kudibana ewalter Sisulu Stadium ngentseni yangomgqib­elo. Abaququzel­eli bacele amaqela aye namaqela omeleleyo emidlalwen­i yebig 8 Sport Tournament ngoba nangona isisiqendu sokuqala setumente, kodwa bazimisele ukuza nento enkulu ngakumbi kunyaka ozayo. “Sigqibe kwelokuba kubekho itumente enkulu apha empuma Koloni. Makungadla­lwa nje phaya ezilalini kuphelele apho.

Kukho italente, amaqela aphezulu akayi kweziya iindawo, kube kukho iintwana eziyidlala­yo neziyithan­dayo ibhola. Sithe masidibani­se iintshatsh­eli ndawonye ukuze zikhuphisa­ne phambi kwabachola­choli betalente esibamemil­eyo,” utshilo umququzele­li webig 8 Sport Tournament.

Amaqela avumelekil­e ukuchonga abadlali abasemgang­athweni ophezulu nakwamanye amaqela kwiindawo akuzo.

“Kuba sisayisung­ula, sithe masingayen­zi ibe nkulu. Kuza kudlalwa ibhola ekhatywayo neyomnyazi. Silindele iindwendwe ezisuka kwimamelod­i Sundowns, kwits Galaxy nakwicape Town City,” utshilo umququzele­li.

Amaqela aphumelele­yo aza kugoduka encumile kakhulu. Iintshatsh­eli ziza kufumana ir20 000 nendebe ekhatshwa ziimbasa. Elibambe indawo yesibini liza kufumana ir10 000. Kanti ngaphezulu koko aza kuphiwa izikipa zokudlala.

 ?? ?? Iintshatsh­eli zetumente ebibanjelw­e engqeleni phambi kokusongwa konyaka ophelileyo. Umfanekiso: Facebook.
Iintshatsh­eli zetumente ebibanjelw­e engqeleni phambi kokusongwa konyaka ophelileyo. Umfanekiso: Facebook.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa