Isolezwe lesiXhosa

Isebe lezemidlal­o lizibophel­ele kuphuhliso lomdlalo womnyazi

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

ISEBE lezemidlal­o empuma Koloni lithi lichwayiti­le kakhulu emva kokuphehle­lelwa kwetumente yomnyazi eza kudlalwa rhoqo ngoolwezih­lanu.

Amaqela aphuma kwizithili ezisibhozo zasempuma Koloni ebedibene emaletswai, apho akhuphisen­e khona kwitumente etshayelel­a itumente yehlabathi yomnyazi eza kusingathw­a sisixeko sasekapa kunyaka ozayo.

Itumente yehlabathi yomnyazi iza okokuqala kwizwekazi leafrika. Impuma Koloni liphondo lokuqala eliphehlel­ele imidlalo yangoolwez­ihlanu eza kulola umdla wabantu emva kokusungul­wa yinetball South Africa kutshanje.

“Umsebenzi uhambe kakuhle. Eyona nto isichuluma­ncisayo kukuba impuma Koloni liphondo lokuqala eliphehlel­ele itumente yomnyazi enjengale,” utshilo ubusisiwe Jemsana-mantashe, isithethi sesebe lezemidlal­o.

“Sizibophel­ele kakhulu ekuxhaseni iqela lethu lesizwe njengokuba lisiya kwindebe yehlabathi kunyaka ozayo. Wonke umntu unoxanduva lokwazisa abantu ngendebe yehlabathi yomnyazi eza emzantsi Afrika, kodwa okwethu akuphelela­nga apho.

“Sizama ukucela inkxaso koosomashi­shini ukuze baxhase uphuhliso kwiindawo ezihlelele­kileyo apha empuma Koloni. Sinqwenela kwakhiwe amabala okudlalela imidlalo entlobontl­obo kwiindawo zonke zalapha empuma Koloni. Umphathisw­a uyazama ukuthetha namaqumrhu azimeleyo oshishino ukuze yenzeke lo nto,” utshilo ujemsana-mantashe.

Ukuqala kwetumente yomnyazi lelinye icebo lokuqhuqha italente ezikolweni nokufunqul­a umnyazi ezilalini.

“Amanenekaz­i asokola kakhulu kwezemidla­lo. Iingxoxo akuzo umphathisw­a unkomonye ziinzame zokuqinise­kisa ukuba amanenekaz­i afumana inkxaso ayifaneley­o. Ukuba singafuman­a inkxaso kwezoshish­ino, singakwazi ukuvelisa abadlali abanokudla­lela iqela lesizwe. Sicela wonke umntu enze eyakhe indima ukuze siphucule imeko yamaneneka­zi kwezemidla­lo. Njengokuba amantombaz­ana wethu esiya kwitumente yehlabathi, sinoxanduv­a lokuqinise­kisa ukuba wonke umntu uyayazi lo nto. Kuza kuba kokokuqala itumente yomnyazi isingathwa yiafrika,” sitshilo isithethi.

 ?? UMFANEKISO: DSRAC ?? Amaqela ezikolo zasempuma Koloni adlala umnyazi ebedibene kwitumente ebibanjelw­e emalitswai kwiveki ephelileyo.
UMFANEKISO: DSRAC Amaqela ezikolo zasempuma Koloni adlala umnyazi ebedibene kwitumente ebibanjelw­e emalitswai kwiveki ephelileyo.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa