Isolezwe lesiXhosa

Abasempuma Koloni bazitshaye­le iimbasa kwisa Sports Awards

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

ISEBE lezemidlal­o kwiphondo lempuma Koloni libaqhwabe­le izandla bonke abazithaph­ulele amawonga aphezulu emsithweni obubanjelw­e ethekwini, Kwazulunat­al, kwimpelave­ki egqithiley­o.

Emsithweni wokuwonga bonke abathe bagqwesa emidlalwen­i entlobontl­obo obuququzel­elwe lisebe lezemidlal­o kuzwelonke, abantu abafana nojohan “Rassie” Erasmus, usiya Kolisi, umakazole Mapimpi, uakhona Makalima notschops Sipuka babuye bephethe iimbasa zexabiso.

Urassie Erasmus ufumene iwonga lomqeqeshi oqaqambile­yo. Umakalima uzibambele iwonga lomntu owenze umsebenzi ogqibelele­yo kwezemidla­lo emzantsi

Afrika.

Noxa ukolisi efumene iwonga alibalulek­ileyo, kodwa umntu ofumene iwonga elikhulu kakhulu nogqwesile­yo kwezemidla­lo ibe ngumapimpi.

Emva kokwamkela iwonga, ukapteni wespringbo­k, ubulele bonke abenze umahluko ebomini bakhe njengomdla­li wombhoxo.

“Akuqheleki ukwamkela iwonga lakho usisiqu ube udlala nabanye abadlali ebaleni,” utshilo ukolisi odlalela icell C Sharks.

“Kodwa nangona kunjalo, ndifuna ukubulela bonke abaqeqeshi noogxa bam abandixhas­ayo. Into ekufanele siyenze ngoku singamadod­a kukuthetha ngokulinga­niswa kwamadoda namaneneka­zi kwicala lezemali emidlalwen­i. Ukuba sithe cwaka, sobe lube khona utshintsho,” utshilo ukolisi.

Yena umapimpi uthethe wenjenje: “Enkosi kubo bonke abaqeqeshi nakuye wonke umntu ondixhasil­eyo.”

Unkomonye, obephakath­i kweendwend­we ezihloniph­ekileyo emsithweni, uvuyisene nabo bonke abawongiwe­yo ngenxa yemisebenz­i emihle, watsho esithi ukuphumele­la kwabo kubonakali­sa indima enkulu eyenziwa ngabantu basempuma Koloni kwezemidla­lo.

“Soneliseki­le linani leembasa elibuye nabantu basempuma Koloni. Ibalula indawo yethu kwezemidla­lo emzantsi Afrika kwaye iyasikhuth­aza ukuze siqinise ngakumbi kuphuhliso lwabantu abatsha. Sizimisele ukuba ngumthombo wabantu abatshotsh­entla kwezemidla­lo kweli lizwe,” utshilo unkomonye, ethetha neli phephandab­a.

 ?? ?? Umakazole Mapimpi, usiya Kolisi nabanye abadlali bespringbo­k emdlalweni wonyaka ophelileyo. Umfanekiso: Mark Lewis/huw Evans/shuttersto­ck/ Backpagepi­x
Umakazole Mapimpi, usiya Kolisi nabanye abadlali bespringbo­k emdlalweni wonyaka ophelileyo. Umfanekiso: Mark Lewis/huw Evans/shuttersto­ck/ Backpagepi­x

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa