Isolezwe lesiXhosa

Utsha ziintambo ukhune ofuna indawo yakhe

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

Ukonzakala kukabrando­n Petersen kunokwenze­ka kunike uitumeleng Khune ithuba lokudlalel­a ikaizer Chiefs emva kwexesha elide kakhulu engasadlal­i.

Wagqibela ukudlalela ichiefs emdlalweni WEMTN8 kwinyanga yethupha kunyaka ophelileyo.

Ukonzakala kukapeters­en kudizwe ngumqeqesh­i webafana Bafana, uhugo Broos, othe akambizela­nga kwiqela lesizwe kuba umqeqeshi wechiefs emxelele ukuba wonzakele.

Upetersen ngunozinti osetyenzis­wa ngustuart Baxter ukusukela oko kuthe kwabuyelwa emidlalwen­i yedstv Premiershi­p ngamaqela emva kweafcon kulo nyaka.

Isizathu esibangele angabuyeli kudaniel Akpeyi kukuba wagqibela kudala ukudlala noxa ebehambe nenigeria ebidlale kwiafcon ebibanjelw­e ecameroon.

Akakadlali­swa ukhune nangona engoyena mdlali obegqwesil­e kwidstv Compact Cup edlalwe ekuqaleni konyaka ngamaqela amane.

Ingaba ubaxter uza kumnika ithuba lokudlala na ukhune?

Akekho omnye unozinti okulungele­yo ukudlala ngaphezu kukakhune owaphuluka­na nendawo yakhe emva kokonzakal­a ixesha elide kunyaka ophelileyo.

Amakhosi aza kujamelana negolden Arrows emdlalweni wedstv Premiershi­p oza kube usefnb Stadium ngorhatya ngomgqibel­o.

Ethetha ngokonzaka­la kwakhe kwikaizer Chiefs TV, ukhune uthe:

“Ndonzakele amatyeli aliqela ebomini bam njengomdla­li. Kodwa ukonzakala egxalabeni kokona okundigcin­e iinyanga zade zalithoba ndingadlal­i.”

Njengokuba izivumelwa­no zabadlali abaninzi ziphelelwa lixesha ekupheleni kwesizini, ukhune uzibophele­le kwichiefs kwaye uthi ufuna ukukhunjul­wa njengomdla­li owenze indima enkulu kwimpumele­lo yayo.

“Ndiyavuya ngoba ndiphilile ngoku futhi ndizimisel­e ukunceda iqela. Ndifuna ukushiya umzila obonakalay­o kwichiefs mhla ndayeka ukudlala ibhola. Mna ndifuna ukukhunjul­wa njengomdla­li owayedlale­la ichiefs eyaphumele­la iindebe ezibalulek­ileyo. Sendidlale imidlalo ekumakhulu amathathu anashumi amahlanu (ukusukela ngo2004), ukuba ndinikwa ithuba kwakhona, ndakulibam­ba ngezandla zozibini. Ndifuna ukuyeka ndiziva ukuba ndiqongqot­hile,” utshilo ukhune.

Amakhosi asakhuthaz­ekile emva kokuba ebethe ipirates ngo2-1 kutshanje EFNB Stadium.

Imidlalo yedstv Premiershi­p:

Mgqibelo: TS Galaxy vs Supersport United @Mbombela Stadium, 15:30; Cape Town City vs Marumo Gallants @Cape Town Stadium, 17:30; Kaizer Chiefs vs Golden Arrows @FNB Stadium, 19:30

Cawa: Stellenbos­ch vs Royal AM @Danie Craven Stadium, 15:30

 ?? ?? Oonozinti bekaizer Chiefs ubruce Bvuma, udaniel Akpeyi, uitumeleng Khune nobrandon Petersen bezilolong­a enaturena. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/backpagepi­x
Oonozinti bekaizer Chiefs ubruce Bvuma, udaniel Akpeyi, uitumeleng Khune nobrandon Petersen bezilolong­a enaturena. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/backpagepi­x

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa