Isolezwe lesiXhosa

Uncikazi uhleli exhaleni lokukhonjw­a emnyango

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

UMQEQESHI weorlando Pirates, umandla Ncikazi, akasenalo ithemba lokufumana imamelodi Sundowns ekwindawo yokuqala, kodwa uthi iqela lakhe lilwela indawo yesibini kwidstv Premiershi­p.

Oku ukuthetha ngexesha elibi, yena nofadlu Davids, bengafunwa ngabalande­li bepirates njengabaqe­qeshi ababambise­neyo emva kokugqwidi­za emidlalwen­i yesizini eqhubekayo.

Uncikazi nodavids banikwa ithuba lokuqeqesh­a bebambisen­e emva kokuhamba kukajosef Zinnbauer, owagqiba kwelokuba anikezele ngenxa yobudikidi­ki bepirates.

Nangona ipirates ibethe iroyal Leopards ngo3-0 kwicaf Confederat­ion Cup futhi inethuba elihle lokuya kumjikelo olandelayo, kodwa abalandeli abaxolanga yindlela iqela elidlala ngayo, ngakumbi emva kokubethwa yikaizer Chiefs ngo2-1 emdlalweni obusefnb Stadium kutshanje.

Uncikazi uxelele iintatheli kule veki ukuba uyayazi indlela abaziva ngayo abalandeli kwaye imphatha kakubi indlela iqela lakhe eliqhuba ngayo.

“Andonwaban­ga ngoba ndiyazi ukuba abaphathi nabalandel­i bepirates bafanelwe ziziphumo ezingcono.

Bonke bafuna iqela elizinzile­yo nelenza umsebenzi omhle ebaleni.

Ukuba bendikwazi, izinto ngezihamba ngendlela abafuna ngayo. Siliqela eliyidlala kakuhle ibhola kodwa elingakwaz­iyo ukusebenzi­sa amathuba emidlalwen­i.

“Njengabo bonke abaqeqeshi, nam ndilinde ukugxothwa nanini ngoba sonke singabaqeq­eshi sisebenza phantsi koxinizele­lo,” utshilo uncikazi phambi komdlalo obuphakath­i kwebucs nesuperspo­rt United phakathi evekini.

Njengokuba isizini isondela esiphelwen­i, uncikazi ufuna ipirates ibambe indawo yesibini xa kuvalwa isizini. “Injongo yethu kukuvala isizini sikwindawo yesibini kwidstv Premiershi­p.

Sifuna ukubuyela kwicaf Champions League. Yeyona nto esifuna ukuyenza emidlalwen­i eshiyekile­yo,” utshilo uncikazi.

Amaqela akhuphisan­a ngendawo yesibini aquka Amazulu, ichiefs neroyal AM.

Enye into ebangela bagxekwe abaqeqeshi kukungamdl­alisi ugabadinho Mhango obuye namanqaku amathathu kwiafcon 2022.

 ?? ?? Umqeqeshi weorlando Pirates, umandla Ncikazi, enika utshegofat­so Mabasa nolinda Mntambo imiyalelo emdlalweni wedstv Premiershi­p. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/backpagepi­x
Umqeqeshi weorlando Pirates, umandla Ncikazi, enika utshegofat­so Mabasa nolinda Mntambo imiyalelo emdlalweni wedstv Premiershi­p. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/backpagepi­x

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa