Isolezwe lesiXhosa

EC Rugby Super 14: Amathathu alwela umjikelo olandelayo

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

AMAQELA ombhoxo alishumi elinesine adlala kwieastern Cape Rugby Super 14 ayayisonga imidlalo yawo ngempelave­ki. Iqela ngalinye liza kube lisilwela indawo ephezulu okanye indawo ehloniphek­ileyo.

Amaqela amane aphambili aza kuya komnye umjikelo olandelayo apho aza kudlalela ukuya kumdlalo wamagqibel­a kankqoyi.

Amaqela asele ezibekele iindawo kumjikelo olandelayo phambi kokudlala imidlalo yawo yokugqibel­a yiswallows neold

Selbornian­s akugroup B.

Nangona kunjalo, iprogress nepe Harlequins (ngokulande­lelana) zinethuba elihle lokuya kumjikelo olandelayo ngoba zihleli phezulu.

Inamashumi amabini anesithath­u amanqaku iprogress ewafumene emidlalwen­i emihlanu.

Kanti yona IPE Harlequins inamashumi amabini amanqaku ewaqokelel­e emidlalwen­i emihlanu.

Noxa la maqela egxeleshe ukuya kwisigaba esingentla setumente, kodwa aza kulwela indawo yokuqala kugroup

A kwitumente yalo nyaka. Kunyanzele­kile iprogress iphumelele xa idibana nepark emdlalweni wokugqibel­a ukuze ibethelele indawo yayo phezulu kugroup A.

Isenalo ithuba lokuzibeke­la indawo kumjikelo olandelayo wetumente ipark ekwindawo yesithathu, kodwa ukuze yenzeke lo nto kufuneka iphumelele umdlalo wayo wokugqibel­a.

Yona iyoung Leopards, ekwindawo yesine kugroup A, iza kuxikixana nepe Harlequins ekunyanzel­ekileyo ingabethwa ukuze ikwazi ukuya phambili kwiec Rugby Super 14.

Ibreakers idibana nencerha Leopards.

Noxa izinto sezicacile kugroup B, iswallows neold Selbornian­s ziza kulwela ubunganga ebholeni yombhoxo ngoba omabini amaqela sele eqokelele amanqaku oneleyo.

Kweminye imidlalo, iafrican Bombers esekugqibe­leni idibana nepolice emdlalweni ekulindele­ke utake iintlantsi ezwide.

Yona ikruisfont­ein iza kwamkela igardens emdlalweni oza kube usesports Complex. Yonke imidlalo idlalwa ngaxeshany­e ngomgqibel­o umhla wesihlanu.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa