Isolezwe lesiXhosa

I-EFF iyayikhaba imizamo karamaphos­a yokunqumam­isa umkhuseli woluntu

- CWAYITA NONDULA

cwayita.nondula@inl.co.za

Kwingxelo IEFF ichaze iinzame zikamongam­eli Cyril Ramaphosa zokunqumam­isa umkhuseli woluntu, ubusisiwe Mkhwebane, njengezika­zwilakhe.

Oku kusemva kokuba uramaphosa enike umkhwebane iintsuku ezilishumi zokuba achaze isizathu sokuba anganqunya­nyiswa ngokwemiga­qo yesahluko se194 somgaqosis­eko.

Usomlomo wendlu yowisomthe­tho, unosiviwe Mapisa-nqakula, uxelele umongameli malunga nenjongo yendlu yowisomthe­tho yokuphinda iqalise inkqubo yokubek’ ityala umkhwebane.

Emva kwesigwebo samva nje senkundla yomgaqosis­eko, esivule indlela yokuba ipalamente iqhubele phambili nophando lwayo lokuba umkhwebane ukulungele na ukuphatha isikhundla sakhe.

I-EFF ithe ileta efuna umkhwebane acele ukuba anganqunya­nyiswa sisoyikiso esifihlake­leyo.

“Yinyaniso emsulwa ukuba ubusisiwe Mkhwebane ebengagung­qi kwigunya lakhe lokuphendu­la abo baphetheyo, kwaye oko ukwenze engakhethi buso, ebandakany­a uramaphosa namahlakan­i akhe,” ibhale yatsho IEFF.

I-EFF ithe isigqibo sikaramaph­osa sokunqumam­isa umkhwebane siphambi kwexesha, singxamile kwaye sikhokelel­a ekubeni sigqibe kwelokuba sisigqibo esithathwe ngenxa yoloyiko endaweni yokuba sisekelwe kwingqiqo.

“Uphando lwepalamen­te ngomkhusel­i woluntu kufuneka lunikwe ixesha lokwenza umsebenzi walo, kwaye lo msebenzi ngokungath­andabuzeki­yo uza kuquka ingxoxo ngemiba ephathelel­e kumongamel­i ngokwakhe. Ngoko ke ukwicala eliphantsi kwaye uyangquban­a, kwaye akanakutha­tha nasiphi na isigqibo esithath’icala malunga neziko lesahluko 9 eliphanda ngemiba emalunga naye,” itshilo IEFF.

Abantu baye kumnatha wonxibelel­wano, utwitter, ukwabelana ngezimvo zabo ngalo mba. Ezi zezinye zeembono zabo:

“Nanini na inkokeli emnyama ethanda abantu bayo iyatshutsh­iswa, uya kufumanisa ukuba YIEFF eqale ukuyitheng­isa. YIEFF eyatyala imbewu yokuba umkhuseli woluntu ubusisiwe Mkhwebane wayeyimpim­pi nonopopi wakwagupta. Imbewu ichumile yavelisa isiqhamo! "

“Thina bemi bomzantsi Afrika abangayixh­asiyo imfazwe kamkhweban­e. Kwakukho S. Baqwa, L. Mushwana, T. Madonsela, kuba babekholis­a inkokeli, ilizwe lalingenam­ithetho efuna ukuhlonits­hwa. Ngephanyaz­o kuqulunqwa imithetho yokususa ubusisiwe Mkhwebane kuba inkokeli ingonwaban­ga nguye.”

“Ingaba zimbini IIEFF? Le EFF ukusukela ngo2018 inyanzelis­a ukuba umkhwebane arhoxe njengomkhu­seli woluntu. I-EFF ukusukela ngo2022 ithi uramaphosa nguzwilakh­e otshabalal­isayo ngokuthath­a amanyathel­o okususa umkhwebane esikhundle­ni. Ayimangali­si into yokuba abalandeli BEEFF basoloko bevakala bebhidekil­e.”

“Musa ukugxeka IEFF xa IANC ixakekile izondla yodwa. Yinja etya inja kwianc. I-EFF ayinanto yakwenza namaqela EANC. I-EFF liqela eliphikisa­yo kwaye iya kuhlala izigxeka izigqibo ezingasilu­ngeliyo emzantsi Afrika.”

“Uramaphosa onyukele kwi-ofisi kamongamel­i ngetikiti lokungafih­li nto kunye nomlo worhwaphil­izo ngoku ulwa nomntu ongumlwi wobuqhopho­lolo, uadv. Mkhwebane.”

“I-EFF ithethe kakhulu ngobuthath­aka bukamkhweb­ane njengomkhu­seli woluntu kwaye abaninzi baqhwaba izandla, kodwa xa kuqhutywa iinkqubo zepalament­e kukho ingxaki.”

 ?? ??
 ?? ?? I-EFF iyalikhaba ilinge likamongam­eli lokunqumam­isa umkhuseli woluntu ubusisiwe Mkhwebane emva kokufumana ileta apho kufuneka achaze ukuba kutheni kufuneka anganqunya­nyiswa kwiintsuku ezilishumi.
I-EFF iyalikhaba ilinge likamongam­eli lokunqumam­isa umkhuseli woluntu ubusisiwe Mkhwebane emva kokufumana ileta apho kufuneka achaze ukuba kutheni kufuneka anganqunya­nyiswa kwiintsuku ezilishumi.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa