Isolezwe lesiXhosa

Umahala ubuye nokutya kwengqiqo nengqondo

- VUKILE SONANDZI VUKILE.SONANDZI@INL.CO.ZA

Inzalelwan­e yasemakhan­da, engumbhali wamabali nemidlalo yeqonga, ekwasisifu­ndiswa, ugqirha Siphiwo Mahala, ubuyela ekhaya ezokuthula enye incwadi yakhe entsha ngobomi bentatheli nombhali ophambili, ucan Themba nethi Can Themba: The Making and Breaking of the Intellectu­al Tsotsi (A Biography).

Lo msebenzi mtsha kamahala, nokhutshwe ngaxeshany­e emzantsi Afrika, kwelamange­si ebhilitane nasemelika uchazwa ngokuba ubalulekil­e ekuvezeni imbali ngobomi bukathemba nokubhala kwakhe.

Umbhali wasemzants­i Afrika nohlonitsh­wa kwihlabath­i liphela, unjingalwa­zi Zakes Mda, uphefumla athi ngale ncwadi: “ikunika iingcinga ezintsha, hayi nje ngobomi bukathemba – nomxholo ugxile kuye kule ncwadi – ixesha aweyephila ngalo, oontanga bakhe, iintshukum­o zelo xesha nezaphela zisaziwa ngokuba luvuselelo lwesophiat­own .

“Umahala akabalisi nje koko ulizoba kakuhle gca elo xesha kwakunye nomzabalaz­o walo, de nomfundi azi ukuba kwakunjani ukubalapho kwezo ziganeko,” batsho abapapashi bakhe.

Le yincwadi yesithanda­thu kamahala kwaye zonke ezidlulile­yo ziphehlele­lwe ekhaya emakhanda kwimisitho ekumila kunje ngalo ucetywayo. Uphehlelel­o lwencwadi luza kube lusingathw­e yiamazwi ibambisene nesebe lezifundo zoncwadi kwisingesi kwakunye nesikolo sobuntathe­li phaya kwiyunives­ithi yaserhodes emakhanda.

Ugqirha Mahala uza kutshayele­la oku ngokwabela­na ngezimvo namava nababhali abasakhula­yo kwithala leencwadi iduna ekwilokish­i ijoza kwalapha erhini, ngomvulo, umhla we11 Tshazimpuz­i 2022.

Abathabath­inxaxheba kolo qeqesho lokuxhobis­ana baya kuba nenyhweba yokuthiwa jize mahala ngugqirha Mahala ngencwadi yakhe yamabali amafutshan­e kwiholo eliseamazw­i South African Museum of Literature, 25A Worcester St , Makhanda ngomhla we12 ngentsimbi yesithanda­thu.

Okuthe vetshe kufumane kumnu Zongezile Matshoba ku-046 622 7042 / 084 681 7370 okanye kule meyile: z.matshoba@ amazwi.museum

 ?? ??
 ?? ?? UGQIRHA SIPHIWO MAHALA
UGQIRHA SIPHIWO MAHALA

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa