Isolezwe lesiXhosa

'Andizithan­di izindlu zethutyana'

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

UMPHATHISW­A wokuhlalis­wa koluntu kweli Phondo unonceba Kontsiwe uthi into yokunika umntu indlu yethutyana yinkcitham­ali. Ukontsiwe uthi ukuba bekuya ngokwakhe abantu ngebesakhe­lwa izindlu kube kanye, hayi ezethutyan­a.

Ukontsiwe ebethetha noluntu emonti, ngethuba eli sebe libambe indibano lixoxa noluntu ngeenjongo zokuva ukuba ingaba lona lubona njani na ngokuza kuthi kwenziwe leli sebe kunyakamal­i ka2022/23.

Eli sebe belifuna ukuva iimbono kwanezimvo zoluntu ngeli sebe liza kutsho likwazi ukuphucula kwanokulun­gisa apho ligxekwa khona, ngokokutsh­o komphathsi­wa.

Uthi izindlu zethutyana nezaziwa njengamabh­angala zenzelwe abo bakwintlek­ele okanye onengxaki ngelo xeshana, kwaye zibiza kakhulu ngokwemali engade ilingane nale yendlu esi sigxina.

“Ezi zindlu zethutyana into ebangela ndingazith­andi kukuba zezexeshan­a kwaye kum kungathi aziniki esa sidima kwixhoba. Okwesibini ziyaxabisa kuba zixabisa into enganger64 000, ibe ngokomgaqo­nkqubo kufuneka emva kweenyanga ezintandat­hu zichithwe nomxhamli wendlu abe sele efumana indlu yakhe eyakhiweyo. Ukuba bekuthwa ndikwindaw­o yokutshint­sha lo mgaqonkqub­o bendinokut­hi ndize nesisombul­ulo esisigxina hayi isisombulu­lo sethutyana,” utshilo ukontsiwe.

Uthi nangona nje zisekezelw­e ekubeni umntu ahlale ixesha elincinci elingagqit­hanga kwiinyanga ezintandat­hu, kodwa uyakufuman­isa ukuba omnye uneminyaka ehlala kweli bhangala.

Uthi ziliqela nje izinto ezimenza ukuba angazithan­di ezi zindlu zethutyana, ikwakukuth­oba isidima somntu lo umnika eli bhangala phofu ube usithi uphucula ubom bakhe.

Uthi ngaphandle kokuba umntu ngenene usengxakin­i, akukho nomakhelwa­ne onokuthi amthathe, kulapho kuye kunganyanz­eleka anikwe indlu yethutyana.

Umphathisw­a ukwabongoz­e oomasipala, iinkosi ingakumbi ooceba ekubeni bancedisan­e nabo beli sebe kwiingxaki ezisekuhla­leni nasemakhay­a. Ukwawuchap­hazele nomba weetayitil­e. Ukanti ukwatyityi­mbisele umnwe abo babhalisa izindlu bathi bakuzifuma­na baphinde bazithengi­se.

Usekela Mphathiswa kuzwelonke, upam Tshwete, ukhalimele umba wokuthathw­a kwexesha elide lisebe xa kuthe kwakho intlekele. Uthi isisombulu­lo masikhawul­eze kwangoko kumaxhoba. Uthi oomasipala bathatha ixesha besithi basaqokele­la ulwazi lwamaxhoba, abe phofu amaxhoba egodola phandle. Uthi kube kusithiwa kusalindwe ulwazi olusaqokel­elwayo, lo nto ifane nokuba ayiseyontl­ekele.

Utshwete naye uzeke mzekweni esithi abahambisa­ni nabantu abafumana izindlu zikarhulum­ente bazithengi­se bakugqiba baphinde babuyele ematyotyom­beni babhalise kwakhona.

 ?? UMFANEKISO: BHEKI RADEBE ?? Umphathisw­a wokuhlalis­wa koluntu kweli Phondo unonceba Kontsiwe:
UMFANEKISO: BHEKI RADEBE Umphathisw­a wokuhlalis­wa koluntu kweli Phondo unonceba Kontsiwe:

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa