Yi-7.9 yezigidi edinga umsebenzi kweli!
INGXELO yekota yesine yonyaka ka2021 ekhutshwe ngabakwastatistics South Africa ithi ngabantu abatsha abakwilungelo lokuphangela abazizigidi ezisixhenxe abangaphangeliyo kweli. Le ngxelo ithi ngamashumi amathathu anesihlanu ekhulwini (35%) abantu abangaphangeliyo.
Ukukhutshwa kwale ngxelo ngustats SA kulibaziseke isithuba senyanga, nethe kamva yada yaphuma kukudala ilindelwe luluntu.
Eli lelona zinga liphezulu lentswelangqesho kweli ukusukela oko kwathi kwaqaliswa ukukhutshwa kwezi nkcukachamanani, itsho ingxelo.
Nangona kunjalo, le ngxelo ithi linyukile inani labantu abaqeshiweyo kweli ngamakhulu amabini namashumi amathandathu amawaka, oku kuthetha ukuba zizigidi ezilishumi elinesine abantu abaphangelayo. Inani labantu abaswele ingqesho linyuke ngamakhulu amabini namashumi asibhozo amawaka.
Abakwastats SA bathi ukulibaziseka kokukhutshwa kwale ngxelo kwenziwe kukuba bebeqinisekisa amanani. Enye yeendlela zokucholwacholwa kolu lwazi yokuthetha nabantu ubuso ngobuso iye yanqunyanyiswa kunyaka ka2020 ngenxa yesifo sekhorona.
Oku kubangele ukuba olu lwazi lufunyanwe ngokuthetha noluntu ngokusebenzisa udliwanondlebe ngobuxhakaxhaka bala maxesha. Oyingqonyela kwastats SA urasinga Maluleke uthi ezi nkcukacha zibhentsisa ukuhla komdla ebantwini ukukhangela umsebenzi.
“Likhulile inani labantu abaphelelwa ngumdla ukukhangela umsebenzi emzantsi Afrika, ngokwale ngxelo, oku kungenxa yezizathu ezahlukeneyo,” kucacisa umaluleke.
Uchifi Mahongo osuka kwidon Consultancy Group uthi ukuguqulwa nokukhawuleziswa kwemithetho enokukhuthaza iinkqubo zokudalwa kwemisebenzi kubalulekile.
“Le ngxelo ayibonisi nje ukuba iinkqubo zikarhulumente azidali mathuba emisebenzi, koko zikwabonakalisa ukuba kukwakho ingxaki yokukhuselwa kwemisebenzi ngabaqeshi kwiinkampani zeli ngenxa yeemeko ezininzi,” kucacisa umahongo.
Uthi ukudalwa kwemisebenzi kufuna intsebenziswano entle phakathi kweenkampani zabucala kwakunye norhulumente ukuze kudalwe amathuba emisebenzi enesidima.
“Enye yeengxaki eziphazamisa ukudalwa kwamathuba emisebenzi ngamaxabiso ombane, umbane ongathembekanga, ukuphazamiseka kwemizila yoololiwe nolwaphulomthetho zenza ukuba abatyalizimali bangalithembi eli lizwe,” kutsho umahongo.
Isifo sekhorona ngomnye woonobangela bokuhla kwamathuba engqesho emzantsi Afrika, kutsho umahongo. Yimali ekwiibhiliyoni ezingamashumi amane anesine ethe yagalelwa ngurhulumente weli ngelizama ukuncedisana nabo bangaphangeliyo ngokohlahlo lwabiwomali lalo nyaka.
Umongameli weli ucyril Ramaphosa ngethuba ebesenza intetho yakhe yobume besizwe uthembise abantu beli ukuba urhulumente wakhe uza kusebenza nzima ukuqinisekisa ukuba ayavela amathuba emisebenzi.
Imibutho yabasebenzi equka ICOSATU NESAFTU imemelela ukuba kuthatyathwe amanyathelo angqingwa anyanisekileyo ukuze kudalwe amathuba.
Utrevor Shaku WESAFTU uthi ikho imingxili yoqoqosho lweli ethe yafumana ukukhula kwiinyanga ezimbalwa ezigqithileyo.
“Nangona kukho ukukhula kwimingxili ethile yezemali kweli, alinyukanga inani lamathuba engqesho kwezothutho nakwimveliso, kukho ufunqu kwingeniso ngokwengxelo yabo, kodwa loo nguqu ayikakwazi ukudala amathuba emisebenzi,” kucacisa ushaku.
Le mibutho ithi umzantsi Afrika mawulungele iingxaki ezinkulu eziza kuphazamisa imeko yezemali nangaphezulu ukuba abantu abafumani misebenzi.