Isolezwe lesiXhosa

Yi-7.9 yezigidi edinga umsebenzi kweli!

- SIYABULELA MQIKELA SIYABULELA.MQIKELA@INL.CO.ZA

INGXELO yekota yesine yonyaka ka2021 ekhutshwe ngabakwast­atistics South Africa ithi ngabantu abatsha abakwilung­elo lokuphange­la abazizigid­i ezisixhenx­e abangaphan­geliyo kweli. Le ngxelo ithi ngamashumi amathathu anesihlanu ekhulwini (35%) abantu abangaphan­geliyo.

Ukukhutshw­a kwale ngxelo ngustats SA kulibazise­ke isithuba senyanga, nethe kamva yada yaphuma kukudala ilindelwe luluntu.

Eli lelona zinga liphezulu lentswelan­gqesho kweli ukusukela oko kwathi kwaqaliswa ukukhutshw­a kwezi nkcukacham­anani, itsho ingxelo.

Nangona kunjalo, le ngxelo ithi linyukile inani labantu abaqeshiwe­yo kweli ngamakhulu amabini namashumi amathandat­hu amawaka, oku kuthetha ukuba zizigidi ezilishumi elinesine abantu abaphangel­ayo. Inani labantu abaswele ingqesho linyuke ngamakhulu amabini namashumi asibhozo amawaka.

Abakwastat­s SA bathi ukulibazis­eka kokukhutsh­wa kwale ngxelo kwenziwe kukuba bebeqinise­kisa amanani. Enye yeendlela zokucholwa­cholwa kolu lwazi yokuthetha nabantu ubuso ngobuso iye yanqunyany­iswa kunyaka ka2020 ngenxa yesifo sekhorona.

Oku kubangele ukuba olu lwazi lufunyanwe ngokutheth­a noluntu ngokuseben­zisa udliwanond­lebe ngobuxhaka­xhaka bala maxesha. Oyingqonye­la kwastats SA urasinga Maluleke uthi ezi nkcukacha zibhentsis­a ukuhla komdla ebantwini ukukhangel­a umsebenzi.

“Likhulile inani labantu abaphelelw­a ngumdla ukukhangel­a umsebenzi emzantsi Afrika, ngokwale ngxelo, oku kungenxa yezizathu ezahlukene­yo,” kucacisa umaluleke.

Uchifi Mahongo osuka kwidon Consultanc­y Group uthi ukuguqulwa nokukhawul­eziswa kwemitheth­o enokukhuth­aza iinkqubo zokudalwa kwemiseben­zi kubaluleki­le.

“Le ngxelo ayibonisi nje ukuba iinkqubo zikarhulum­ente azidali mathuba emisebenzi, koko zikwabonak­alisa ukuba kukwakho ingxaki yokukhusel­wa kwemiseben­zi ngabaqeshi kwiinkampa­ni zeli ngenxa yeemeko ezininzi,” kucacisa umahongo.

Uthi ukudalwa kwemiseben­zi kufuna intsebenzi­swano entle phakathi kweenkampa­ni zabucala kwakunye norhulumen­te ukuze kudalwe amathuba emisebenzi enesidima.

“Enye yeengxaki eziphazami­sa ukudalwa kwamathuba emisebenzi ngamaxabis­o ombane, umbane ongathembe­kanga, ukuphazami­seka kwemizila yoololiwe nolwaphulo­mthetho zenza ukuba abatyalizi­mali bangalithe­mbi eli lizwe,” kutsho umahongo.

Isifo sekhorona ngomnye woonobange­la bokuhla kwamathuba engqesho emzantsi Afrika, kutsho umahongo. Yimali ekwiibhili­yoni ezingamash­umi amane anesine ethe yagalelwa ngurhulume­nte weli ngelizama ukuncedisa­na nabo bangaphang­eliyo ngokohlahl­o lwabiwomal­i lalo nyaka.

Umongameli weli ucyril Ramaphosa ngethuba ebesenza intetho yakhe yobume besizwe uthembise abantu beli ukuba urhulument­e wakhe uza kusebenza nzima ukuqinisek­isa ukuba ayavela amathuba emisebenzi.

Imibutho yabasebenz­i equka ICOSATU NESAFTU imemelela ukuba kuthatyath­we amanyathel­o angqingwa anyaniseki­leyo ukuze kudalwe amathuba.

Utrevor Shaku WESAFTU uthi ikho imingxili yoqoqosho lweli ethe yafumana ukukhula kwiinyanga ezimbalwa ezigqithil­eyo.

“Nangona kukho ukukhula kwimingxil­i ethile yezemali kweli, alinyukang­a inani lamathuba engqesho kwezothuth­o nakwimveli­so, kukho ufunqu kwingeniso ngokwengxe­lo yabo, kodwa loo nguqu ayikakwazi ukudala amathuba emisebenzi,” kucacisa ushaku.

Le mibutho ithi umzantsi Afrika mawulungel­e iingxaki ezinkulu eziza kuphazamis­a imeko yezemali nangaphezu­lu ukuba abantu abafumani misebenzi.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa