Isolezwe lesiXhosa

Uphelile ukhanya Gqiyazana, ngoku Sis’ Thoz?

- SIM FREDDIE SIMPHIWE.FREDDIE@INL.CO.ZA

Uthozama ’Sis’thoz’ Ngcongolo

ILIZWI likasis' Thoz, ebesele liqheleke ngentlazan­e kumhlobo Wenene FM, aliphindi livakale ngeli xesha, oku kuza emva kotshintsh­o olwenziwe sesi sikhululo sikanomath­otholo.

Umhlobo Wenene wenze uhlengahle­ngiso lweenkqubo nabasasazi ukulungise­lela unyakamali omtsha oqala ngolwesihl­anu wokuqala kutshazimp­uzi 2022.

Olu tshintsho lumchaphaz­ele nothozama Ngcongolo odume ngelikasis' Thoz kubaphulap­huli bakhe. Usis' Thoz ubuyiselwe kwinkqubo yabantwana ngecawa ethi Sakh' abantwana esasazelwa ESABC ekapa. Le nkqubo, esasaza phakathi kwentsimbi yesixhenxe neyesibhoz­o rhoqo ngeecawa, kulapho ilizwi likasis' Thoz laduma khona iminyaka elishumi elinanye phambi kokuba anikwe ukhanya Gqiyazana.

Olu tshintsho lomhlobo Wenene luchaphaze­le kakhulu oomakhwekh­wetha kwezosasaz­o nanjengoko esi sikhululo siqala uhambo olutsha lokuphuhli­sa ulutsha kweli qonga.

Usis' Thoz uyavuma ukuba kwakungelu­la ngethuba enikwa le nkqubo ayisasaze iminyaka emibini.

Usis' Thoz, ongunontla­lontle ngokwemfun­do, uye wabonisa ukukhula kusasazo kwaye eveza ezinye izakhono anazo kwangaxesh­anye.

Ngethuba esenza ukhanya Gqiyazana uye wamane ebizwa ngapha nangapha ukuze abhexeshe imisitho kwimicimbi yamasebe karhulumen­te, kwiinkampa­ni zabucala nakumathek­o asekuhlale­ni.

Usis' Thoz uyavuma ukuba lona utshintsho lunzima kodwa luye luqheleke.

“Ukuza kukhanya Gqiyazana yaba lutshintsh­o olukhulu kum olwandikhu­pha kwiqokobhe nebhokisi ebendiziva­lele kuyo, ndaze ndazinikel­a ngako konke. Endikholel­wa kuko ebomini kukuba xa ucango luvala, andikhange­li ispere sesitshixo okanye inkunzi yaso, kodwa amehlo am ndiye ndiwaphose kumvuli wesango buqu ukuze andivulele iingcango,” kuphawula usis'thoz.

Uthi kukhanya Gqiyazana uye wakhula njengomntu nanjengoms­asazi, ebulela abaphathi bomhlobo Wenene ngokumnika ithuba kwanokumth­emba.

Uthi nangona ebuyela ekhaya kweleentla­nzi akayi kusonga izandla, kodwa uyokuseben­za noluntu, enikeza ngenkuthaz­o nentuthuze­lo nakwabo balahlekel­we lithemba ngenxa yecovid-19.

Inkqubo ukhanya Gqiyazana iye yaphela ngokusesik­weni ngolwesith­athu wale veki. Ukuqala ngolwesihl­anu umhla wokuqala kutshazimp­uzi kuqala inkqubo entsha eza kwenziwa ngunokubon­ga 'Blaq' Maci.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa