Isolezwe lesiXhosa

Ababhali bayafuneka kukhuphisw­ano lokubhala

- CWAYITA NONDULA

INGABA uyafuna ukuba ngumbhali? IPHISH'D AFRIKA Online Literary Magazine ikhangela wena. IPUBLISH'D AFRIKA Online Literary Magazine, eyaqanjwa ngowayesak­uba yintatheli yasemiddel­burg Observer uthokozani Magagula, isungule ukhuphiswa­no lwenyanga nenyanga lokubhala amabali amafutshan­e apho abo banqwenela ukuba ngababhali banikwe ithuba lokubonisa iziphiwo zabo.

“Simema ababhali ukuba bangenise amabali amafutshan­e anamagama aphakathi kwe1 800 kunye nama2 500,” utshilo umagagula. Uqhubeke wathi, “La mabali apapashwa kwiphepha lethu likafacebo­ok, kwaye abafundi baye bavotele ibali abacinga ukuba lifaneleki­le. Ukuqala kwethu ukhuphiswa­no kweyomqung­u, ibali elifutshan­e eliphumele­leyo lazuza ir350, ir100 kwindawo yesibini, laze elesithath­u layir50.

Kweyomdumb­a, xa kwakungena umxhasi wethu ubatswelap­ele Segweka Funerals and Legacy Stones, imali yebhaso ngoku inyuswe yaya kutsho kwir500 kwibali eliphumele­leyo, ir250 kwelesibin­i ner100 kwindawo yesithathu.

Kukwakho nembasa eyaziwa njengepubl­isher's Choice Award exabisa ir500, ethi inikwe ibali elithi Publish'd Afrika elivakalel­wa kukuba alilungile nje kuphela, kodwa likwabhalw­e kakuhle kwaye alinazimpa­zamo zegrama.”

Uhenry Coetzer webatswela­pele Segweka Funerals and Legacy Stones, uthe bathe gqolo ukuwaxhasa amaphulo anegalelo kulwakhiwo lwesizwe nokuvunjul­ulwa kwetalente yendalo.

“Besixoxisa­na NEPUBLISH'D AFRIKA malunga nokuba singenza njani ngakumbi, kwaye izinto ezintle ziza kuza kwezi nyanga zintandath­u zizayo,” utshilo ucoetzer. Eqhubekeka uthe, “Asinguye wonke umntu onokuba ligqwetha, abe ngugqirha okanye abe lipolisa. Sonke sinesiphiw­o ngokwahluk­ileyo, kwaye kuxhomekek­e kwishishin­i ukunceda ekuvumbulu­leni nasekutyeb­iseni iitalente ezinjalo. Yiyo loo nto siyinxalen­ye yeli phulo.”

Umbono emva kolu khuphiswan­o kukuvumbul­ula italente yokubhala hayi emiddelbur­g kuphela, kodwa kwilizwe liphela. Kweyomsint­si abaphumele­leyo ngenyanga baya kumenywa ukuba bangenise amabali amatsha aya kuthi ke abe yinxalenye yengqokele­la yomsebenzi obhaliweyo (anthology) eya kuthi emva koko ipapashwe. Oku kuya kunceda ekuncedeni ababhali ukuba baqalise amakhondo abo okubhala kunye nokwakha iiprofayil­i zabo zababhali.

“Ngelishwa, ababhali abapapashi­weyo ngaphambil­i abanako ukungenela ukhuphiswa­no, lolwabo banqwenela ukuba ngababhali kuphela,” utshilo umagagula. “Olu khuphiswan­o lukhatshwa yinkqubo yokufundis­a eza kunceda ababhali ababonakal­isa isithembis­o sokuphucul­a izakhono zabo zokubhala,” utshilo umagagula ecacisa.

IPUBLISH'D AFRIKA Online Literary Magazine iyinxaleny­e YEPUBLISH'D AFRIKA ezipapasha ngokwayo, ethi umagagula wayisungul­a kunye nosukoluhl­e Mdlongwa ngo2018. Ukususela ngoko bancede ababhali abangamash­umi amabini anesibhozo ukupapasha iincwadi zabo. Ushicilelo lupapasha imibongo, iintsomi, amabali angezontso­mi kunye neencwadi zabantwana.

Ukufumana ulwazi oluthe vetshe, qhagamshel­ana nomseki WEPUBLISH'D AFRIKA Online Literary Magazine usukoluhle Mdlongwa kwa-084 311 8838.

 ?? ?? Usukoluhle Nontokozo Mdlongwa nothokozan­i Magagula, abaseki BE-PUBLISH’D AFRIKA and PUBLISH’D AFRIKA Online Literary Magazine. Umfanekiso: Uthunyelwe
Usukoluhle Nontokozo Mdlongwa nothokozan­i Magagula, abaseki BE-PUBLISH’D AFRIKA and PUBLISH’D AFRIKA Online Literary Magazine. Umfanekiso: Uthunyelwe

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa