Isolezwe lesiXhosa

Kuza kufiwa emdlalweni wechippa nechiefs!

- Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

EMVA kwekhefu leveki, imidlalo yedstv Premiershi­p ibuyela emabaleni kwakhona ngempelave­ki.

Nangona iingcango zamabala zivuliwe ukuze bangene abalandeli bebhola ekhatywayo, kodwa baza kuphoswa ngumdlalo omkhulu ophakathi kwechippa United nekaizer Chiefs.

Lo mdlalo ojongwe ngamehlo abomvu ngabalande­li bamaqela omabini, uza kuqala ngentsimbi yesihlanu emalanga ngomgqibel­o kwibala lasenelson Mandela Bay Stadium.

Umdlalo ungafanisw­a nomlo wezilo ezidume ngobungozi, ingwe nengonyama, ngenxa yokubalule­ka kwawo. Njengokuba isizini isiya ekupheleni, ichiefs nechippa zidinga amanqaku ukuze ziyivale kwiindawo ezihloniph­ekileyo.

Kuza kufiwa egqeberha ngoba ichippa idinga impumelelo eza kuyinika amanqaku amathathu ukuze ibhekele ezembeni njengokuba ihleli kwindawo yeshumi elinesitha­thu kwidstv Premiershi­p.

Iza kwamkela ichiefs ngamandla ongezekile­yo emva kokuba iqokelele amanqaku amane emidlalwen­i emibini egqithiley­o. Kunyanzele­kile ukurt Lentjies namakhwenk­we wakhe balwele ukuyisa ichiefs emalanga ngomgqibel­o ngoba ukubethwa kwaye ichippa kungayigib­isela emngciphek­weni wokuthotyi­selwa.

Naye ustuart Baxter uphantsi koxinizele­lo olumandla emva kokuba Amakhosi ebethwe yigolden Arrows emdlalweni obekufanel­e ukuba awuphumele­le ukuze acuthe umsantsa phakathi kwawo nemamelodi Sundowns ehleli phezulu kwidstv Premiershi­p.

Emva kokubethwa EFNB Stadium kutshanje, ubaxter uye wavuma ukuba isundowns ingayithat­ha indebe. Lo nto imbeke engxakini ngoba ibilithuba lokugqibel­a lokuncumis­a abalandeli bechiefs abangasamf­uniyo.

“Umntu oqiqayo uyabona ukuba ukuphumele­la kwethu indebe yinto engeke yenzeke ngoku ngoba bekufuneka senze umsebenzi namhlanje. Ngoku isundowns ingonwaba ngoba akusekho xhala,” utshilo ubaxter ejula itawuli emva kokubethwa ngabafana Bes’thende ngenqaku elinye.

Amakhosi akwindawo yesithathu, alwela indawo yesibini ngoku aza kuyibuyise­la kwicaf Champions League. Kanti yona ichippa ilwela ukusinda ezembeni njengesiqh­elo. Imidlalo YEDSTV: Mgqibelo: TS Galaxy vs Royal AM @Mbombela Stadium, 15:00; Stellenbos­ch vs Sekhukhune United @Danie Craven Stadium, 15:00; Chippa United vs Kaizer Chiefs @ Nelson Mandela Bay Stadium, 17:00; Golden Arrows vs Supersport United @Princess Magogo Stadium, 19:30; Maritzburg United vs Swallows @ Harry Gwala Stadium, 19:30

Cawa: Cape Town City vs Baroka FC @Cape Town Stadium, 15:50

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa