Isolezwe lesiXhosa

Ubroos uyigalele amanzi eyokuhlazw­a kwabafana

- Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

BABUYELE ekhaya abafana Bafana bethokombi­se iintloko emva kokuhlazwa kakubi yifrance ebusuku ngolwesibi­ni.

Umzantsi Afrika ubethelwe oogqirha nezicaka yifrance ngamanqaku amahlanu eqandeni (5-0) emdlalweni wobuhlobo obubanjelw­e epierre Mauroy Stadium ebigcwalis­we ngamashumi amahlanu amawaka abalandeli bebhola ekhatywayo kwisixeko saselille.

Nangona ifrance iwenze intlekisa umzantsi Afrika phambi kwezihlwel­e zabantu behlabathi, uhugo Broos uyigalele amanzi into yokubethwa kweqela lakhe ngelithi eyona nto ebalulekil­eyo kukufunda ngaphezulu kwayo yonke into. Ubroos ukuthethe oku ngethuba encokola neentathel­i emva komdlalo.

Amanqaku amabini wefrance afakwe yifolosi eyoyikwa kakhulu ebholeni yehlabathi ukylian Mbappe odlalela iparis Saint-germain edlala kwileague 1. Amanye afakwe nguolivier Giroud kwisigaba sokuqala, uben Yedder nomatteo Guendouzi abangene kwisigaba sesibini somdlalo.

“Siye emdlalweni sisazi ukuba kukho umahluko phakathi kwamaqela abedlala,” utshilo ubroos emva komdlalo.

“Njengoko benditshil­o phambi komdlalo, iziphumo zomdlalo azibalulek­anga kuthi. Into ebesiyifun­a ngamava okudlala neqela elisemgang­athweni ophezulu kwihlabath­i. Iqela lethu lisakhula kwaye linabadlal­i abasebatsh­a. Asinabo abadlali abanamava njengabefr­ance kwelethu iqela. Umgangatho wethu ungaphants­i kowefrance,” utshilo umqeqeshi.

Nangona bekungekho mntu obelindele ibafana Bafana iyoyise ifrance eneziqwayi zabadlali abafana nombappe, ugiroud, upaul Pogba non’golo Kante, kodwa akekho obelindele ukuba bangabethw­a ngamanqaku amahlanu eqandeni.

“Ezi ziintshats­heli. Sizamile ukulwa kodwa ke umgangatho wethu nazo awulingani. Ayilohlazo ukubethwa ngo5-0 ngoba amava esiwazuzil­eyo abaluleke ngaphezulu kweziphumo zomdlalo,” uvale ngaloo mazwi ubroos.

Kwiveki ephelileyo, umzantsi Afrika ubambene ngeqanda neguinea emdlalweni wobuhlobo wokuqala obusebelgi­um, eyurophu.

Umzantsi Afrika ulungisele­la imidlalo ehlakulela iafrica Cup of Nations elandelayo emva kokungakwa­zi ukuya kwebisecam­eroon ekuqaleni kwalo nyaka.

 ?? ?? Bazikhotha amanxeba abafana Bafana emva kokunkulwa yifrance ngamanqaku amahlanu emdlalweni wobuhlobo ngolwesibi­ni wale veki elille. Umfanekiso: epa/christophe PETIT Tesson
Bazikhotha amanxeba abafana Bafana emva kokunkulwa yifrance ngamanqaku amahlanu emdlalweni wobuhlobo ngolwesibi­ni wale veki elille. Umfanekiso: epa/christophe PETIT Tesson

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa