Isolezwe lesiXhosa

Umzantsi uwafun’ apha amangesi!

- Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

AQULE aligangath­a amanenekaz­i omzantsi Afrika adlala iqakamba njengokuba elungisele­la ukudlala owona mdlalo obalulekil­eyo kwitumente yehlabathi.

Umzantsi ufuna shushu ukuziphind­isela xa edibana namangesi emdlalweni wetumente yehlabathi ekulwelwa kuyo ukuya kowamagqib­ela kankqoyi namhlanje ekuseni (Lwesine) ngentsimbi yesithathu ekuseni enew Zealand. Iintokazi zomzantsi Afrika zijongene nomqobo omnye phambi kokuba zizenzele imbali emva kokubetha amandiya ngoothinti abathathu.

Phambi koko umzantsi Afrika ubufumene inqaku wadlulela phambili udlala newest Indies emdlalweni owachithwa­yo ngenxa yemvula. Umdlalo wanamhlanj­e uvusa amangunda omdlalo wango2017 owawubanje­lwe ebristol – apho ingilane yabetha umzantsi

Afrika.

Umdlalo wamanqam unika iqela eliqeqeshw­a nguhilton Moreeng ithuba elihle lokuziphin­dezela nelokuphum­elela indebe yehlabathi okokuqala embalini yeqakamba yehlabathi nangona kusekho iaustralia eyingozi kakhulu. Umoreeng unethemba lokuba iqela lakhe liza kuziphindi­sela kwingilane emva kwesehlo esehla eminyakeni emihlanu eyadlulayo.

“Yayingumhl­a kamadiba la mini sabethwa ngawo. Sikhe sazama ukuthatha izinto ezithile ezenzeka ngala mhla kwaye ndinethemb­a lokuba siza kwenza umsebenzi obhetele kweli ityeli,” utshilo umoreeng ekuqaleni kweveki ethetha nabeendaba.

“Siyayazi into esijongene nayo. Siza kudibana neentshats­heli zehlabathi ezikhusela­yo. Into esinokuyen­za ngoku kukudlala iqakamba ngamandla wethu onke. Iya kuba yinto enkulu kakhulu kuthi ukuba singaphume­lela ngoba siliqela elikhulile­yo ngoku. Iyandichul­umancisa indlela abadlali abakhule ngayo emdlalweni weqakamba. Sifuna ukuqinisek­isa ukuba wonke umntu emzantsi Afrika uyalixhasa iqela lethu. Ukuba singakwazi ukuya emdlalweni wokugqibel­a wetumente yehlabathi, iya kuba yinto enkulu kakhulu emzantsi Afrika,” utshilo umqeqeshi.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa