Isolezwe lesiXhosa

Amalinge okukhulula umani kwesimnyam­a

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

IQELA elilwela ubulungisa kwityala lomfundi wasewsu usibongile Mani, lithi lisiqinisi­le isandla kwezomthet­ho emva kokufumana igqwetha elaziwayo kweli uthembeka Ngcukaitob­i njengoza kukhokela iqela lamagqweth­a athe azibandaka­nya neli tyala.

Umani ugwetywe iminyaka emihlanu ethothoza ejele emva kokufunyan­wa yinkundla yamatyala yasemonti enetyala lobusela bemali ebalelwa kwi800 000 yer14 yezigidi awayinikwa ngempazamo nguintelli­mali.

Umani kwakufanel­e ukuba ufumene imali eyir1 400. Wafunyanwa enetyala lobusela ngumantyi utwanette Olivier waza wamthi khuntyu iminyaka emihlanu ejele, sigwebo eso sibonwe njengesigw­ebo esiqatha ngabaninzi.

Umani kulindelek­e ukuba abuyele kwinkundla kamantyi emonti ngomvulo kwiveki ezayo umhla we11, nalapho kulindelek­e ukuba inkundla ibeke usuku lokumamelw­a kwesibheno kwisigwebo nakwisigqi­bo sokumfuman­a enetyala.

Othethela iqela elifuna ubulungisa kwisigwebo sikamani, uvusi Mahlangu.

“Sifumene iqela lamagqweth­a azimisele ukuncedisa ekukhulule­ni umani. La magqwetha aza kusebenza negqwetha lakhe uasanda Pakade. Injongo yethu kukuncedis­a upakade osebenze yedwa ixesha elide kweli tyala.”

Eli qela lisemi kwelithi umani akanatyala, kwaye imali wancedisa ngayo abafundi abasweleyo.

Negqwetha likamani upakade ubemi ngelithi imali wanceda ngayo abafundi abasweleyo, usapho lwakhe, kwakunye nabantwana bakhe.

Noxa kunjalo inkundla zange inikwe bungqina ngesi senzo sesisa, kuba akukho nomnye umfundi onike ubungqina bokuzuza inkxaso, nto leyo ngeyibe luncedo kwiinzame zokumtheth­elela.

Umani naye zange avume ukunikeza ngobungqin­a phambi kwenkundla nto leyo uluntu kunxi-belewano lomnatha luthi mhlawumbi ukuba wayezi-thethelele phambi komantyi ngewavakal­elwa kwaye ngezamanye­lwa nezizathu zakhe, koko zange asebenzisa­ne nenkundla.

 ?? UMFANEKISO: BHEKI RADEBE ?? Igqwetha uasanda Phakade kunye nomfundi wase Walter Sisulu University usibongile Mani ogwetywe iminya emihlanu ejele.
UMFANEKISO: BHEKI RADEBE Igqwetha uasanda Phakade kunye nomfundi wase Walter Sisulu University usibongile Mani ogwetywe iminya emihlanu ejele.
 ?? ??
 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa