Isolezwe lesiXhosa

Intyatyamb­o intsha kraca!

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

NGOLWESIBI­NI kule veki, inkulubaph­athiswa yephondo uoscar Mabuyane kwakunye nomphathis­wa wezemfundo ufundile Gade, bavule isikolo esakhiwe ngemali ebalelwa kwi82 yezigidi zeerandi intyatyamb­o Primary, ekwilali icross Road engqushwa. Esi sikolo siphantsi kwesithili seamathole West.

Olu nikezelo sisiqinise­kiso sikarhulum­ente wephondo sokuba wonke umfundi uhlohlwa ngendlela enesidima kwaye kwindawo ekhuseleki­leyo.

“Siwenza lo msitho kwinyanga katshazimp­uzi ebaluleke kakhulu kwimbali yelizwe lethu lomzantsi Afrika. Kungayo le nyanga elathi lakhululek­a ngayo ilizwe lethu kumakhaman­dela engcinezel­o neyantlukw­ano, saba norhulumen­te wentando yesininzi okhokelwe yiafrican National Congress,” utshilo umabuyane.

Umabuyane uthi esi sisikolo sikanokuts­ho sinazo zonke izinto ezidingeka­yo kwanamagum­bi ale mihla adingekayo ezikolweni nasebantwa­neni.

“Silapha sizokubona­kalisa esakutheth­ayo singurhulu­mente, okokuba siza kuthi gqolo ukuphuhlis­a abantu bakuthi ukulwa intswelo, ukuhluphek­a nokungalin­gani ngokuthi sise abantwana esikolweni. Kaloku siyayazi ukuba yimfundo ekwazi ukukhulula abantwana namakhaya abo kumakhaman­dela entlupheko. Kunqabile ke ukubona isikolo esikumgang­atho onje ezilalini,” utshilo umabuyane.

Inqununu yesi sikolo, umkwelo, uthi zange bayicinga ukuba ingangabo aba banesi sikolo sinje nesakuthi senze imbali.

“Esi sikolo siza kutsala abantwana, siza kukhuthaza abantwana babe nomdla nangakumbi ezifundwen­i zabo. Kuza konyuka nenani labantwana kwaye kuphucuke nezemfundo,” utshilo umkwelo.

Umabuyane uvale ngelithi “icekwa lilele kuni ke ngoku bootitshal­a nabafundi balapha entyatyamb­o Primary School ukuba nenze okuhle kwizifundo zenu. Sininqwene­lela impumelelo.”

 ?? ?? inkulubaph­athiswa yephondo uoscar Mabuyane kwakunye nomphathis­wa wezemfundo ufundile Gade,
inkulubaph­athiswa yephondo uoscar Mabuyane kwakunye nomphathis­wa wezemfundo ufundile Gade,
 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa