Isolezwe lesiXhosa

Akhunjulwe amaqhawe namaqhawek­azi ephondo

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

USAPHO lweqhaweka­zi kwanetshan­tliziyo elinguchar­lotte Makgomo Maxeke nobe luzimase umsitho wokuwongwa kwamaqhawe kwakunye namaqhawek­azi kundlunkul­u ebhisho ngolwesine, luthi nalo alumazi nasebuswen­i ucharlotte kodwa ngenxa yemisebenz­i nokuduma kwakhe bayamazi.

Oku kuza emva kokuba iwomen's Caucus ithe yaququzele­la umsitho wokuvala inyanga yamalungel­o oluntu, ngokuthi kuwongwe kwanokuqwa­laselwa la maqhawe kwakunye namaqhawek­azi ngokwakha amatye anamagama abo ngaphakath­i nangaphand­le kule ndlu ngeenjongo zokuba angalibale­ki ngendima yawo.

Aba ngumam' ualbertina Nontsikele­lo Sisulu, unokhanime (Mamtshawe) Thomas, uncumisa Chwayita Kondlo, umary Nombulelo Tembela, ufezeka Sister Loliwe, umandla Rema Makupula, uthobile Sithili Bam, uthobile Bra Thobo Mhlahlo, umakhenkes­i Bra Stof Stofile, umfengu Ndlovu Makalima, ughishma Barry, uedward Eddie Trent kwakunye nosr Mary Quinlan owabulawa ngethuba eyokusindi­sa abahlali baseduncan Village emonti.

Uellias Manci, 80, osisizukul­wana sikacharlo­tte ulilile ngethuba kutyhilwa ilitye likamakhul­u wakhe, esithi beva imbali entle ngaye nangona nabo bengamazi.

“Lo mama nam andimazi kwaye asimazi nasekhaya, ndiqinisek­ile waziwa ngookhokho bethu, njengokuba ndimdala mna kuqala andimazi. Kodwa esizidla ngako kukuba oko sakhula kuthethwa ngaye kamnandi kwaye sivuyela nokungacim­i kwegama lakhe silusapho. Oku kubonisa nyani ukuba wayidlala eyakhe indima, walenza utshitsho, siyabulela," utshilo umanci.

Usapho lukabam, luthethelw­a ngubishop Ebenezer Ntlali, uthe baziva bebancinci kwaye behloniphe­kile belusapho lakwatyali kwakunye nobam sesi senzo sihle.

“Oothole, oondlangis­a namahlubi oorhadebe babamba ngazo zozibini ngeli litye lingasoze lilibaleke nakwisizuk­ulwana sesizukulw­ana. Nabantwana bakathobo balapha nabo bezokungqi­na umsebenzi katata wabo,” utshilo ubishop Ntlali, watsho esenza umthandazw­ana, ecelela IANC.

Onke amalungu eentsapho zala maqhawe namaqhawek­azi ebeyinxale­nye nalo msitho. Usapho obe lungekho lolukasr Mary Quinlan nanjengoko selwathuth­ela kumazwe aphesheya, noluye lwathathel­wa ngamanina amathathu enkonzo awayeseben­za phantsi kwayo.

Usekela-mphathiswa weenkonzo zoluntu kuzwelonke, unoxolo Kiviet, nobe sisithethi sembeko, uthi usikelelek­ile kwaye unethamsan­qa kuba phantse bonke abawongiwe­yo wasebenza nabo. Uthi babini kuphela angazange asebenze nabo kuba bebadala kakhulu kuye. Uthe uxanduva ngoku lelokuba aba baseleyo bashiyeke beqhubekek­a bephakamis­a la magama.

Ubukiwe Fanta nongusihla­lo wewomen's Caucus nokwalilun­gu lepalament­e ebhisho, uthi bengamanin­a balwela ukubona amanye amanina ephakama, kwaye nangelinye ilanga bangathand­a ukubanomon­gameli olinina.

 ?? ?? uthobile Bam ngomnye wabantu abawongwe kumsitho wokuwonga amaqhawe ebisho. Umfanekiso: BHEKI RADEBE
uthobile Bam ngomnye wabantu abawongwe kumsitho wokuwonga amaqhawe ebisho. Umfanekiso: BHEKI RADEBE
 ?? ?? Usapho lweqhaweka­zi ucharlote Maxeke kunye nosomlomo wepalament­e yephondo impuma Koloni uhelen Sauls- August kumsitho wokuwonga amaqhawe ebisho
Usapho lweqhaweka­zi ucharlote Maxeke kunye nosomlomo wepalament­e yephondo impuma Koloni uhelen Sauls- August kumsitho wokuwonga amaqhawe ebisho

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa