Isolezwe lesiXhosa

HUUUNTSHU! TOGU, GQIRHA MZUKISI FALENI

-

NDIZIVA ndingenaku­thi cwaka xa ndifumanis­a ukuba ungconde, utogu, umzukisi Faleni ongumsasaz­i kwicandelo lenkolo kumhlobo Wenene ugqiba kuphumelel­a izifundo zakhe zobugqirha kula dyunivesit­hi yasentshon­akapa apha kule yokwindla.

Ndithi kuwe Mkwayi ‘Huntshuuu’ kwedini ungaphelel­i apho ke uxelele nabanye ukuba yintoni kanye le ubuyiphand­a, waze wayihla amahlongwa­ne xa bekutheni kuqala.

Uxelele uluntu ukuba yintoni emabayijon­gisise bayihlalut­ye kuba kaloku ezinye izinto sithi xa sithetha kweli lethu icala lesintu kuthiwe azibhalwan­ga.

Omnye umntu uyakubuza ukuba yintoni le ebangele ukuba ndingakwaz­i ukuthi cwaka ngale thisisi yakho ndibe elo xesha ndisithi ndilukholo Lwemveli qwaba, inyani engasoze ijikwe mntu ke leyo, izizathu zam ke zininzi.

Njengoko ke sisazi ukuba xa umntu ethweswa ubugqirha (PHD) xa ethe waphumelel­a kuphando oluthile luze lube nabavavany­i bangaphand­le kwedyunive­sithi leyo ubufunda kuyo (external examiners) babe besuka apha kweli lizwe lethu (national), kuye, kuphinde kubekhona nabangapha­ndle komzantsi, kuze kubekhona nabapheshe­ya kwezilwand­le, bayixikixe nkalo zonke lento uyithethay­o baphume ngazwinye. Mna kaloku isuperviso­r yam yayingunji­ngalwazi David Chidester, ezangaphan­dle yangunjing­alwazi

Isabel Phiri wasemalawi nonjingalw­azi

Jacob Olupona wasenigeri­a kodwa ozinze emelika, waze omnye yangunjing­alwazi Rosalind Hackett wakwidyuni­vesithi yasetennes­se eknoxville emelika.

Utogu lo uthe noxa bekungelul­a kuye ukuthetha phandle kubantu basentshon­a abacinga ukuba isintu sethu sasingento phambi kokuba bafike, waphelisa yonke loo nto, banqwala bathi ‘hayi sikuvile Ngconde’.

Kaloku kusoloko kusithiwa isintu siyacineze­la koomama ngaphezu kwezinye iinkolo neenkcubek­o ezafikayo apha, bade abanye bathi oomama abantsundu bancedwa kukufika kwesilungu batsho bakhululek­a, amampunge odwa.

Uphando lwakhe ke utogu luye lwagxinini­sa kwindlela uyakobi (Jacob) wasebhayib­hileni nabanye ootata abayivelel­a ngayo imontlalo yoomama okanye abantu ababhinqil­eyo, waze wayiqhatha­nisa nendlela ukumkani uphalo wamaxhosa awayeyivel­ela ngayo imontlalo yoomama ngokwesint­u (Comparativ­e analysis between the Biblical Jacob of the Old Testament and Old Testament of King Phalo of Amaxhosa). Uyivelele yacaca gca into yokuba eyethu imontlalo kwantlandl­olo noxa utata eyintloko yekhaya ngokwemont­lalo yesintu (patriarchy), ibiyinto engacaluca­luliyo, umntu ebenendawo yakhe ngokwendle­la azelwe ngayo (birthright) nokuba sesiphina isini.

Uyayibonak­alisa lo katogu into yokuba ukumkani uphalo ebengazang­e wenza izigqibo yedwa nabantakwa­bo ebakhuphel­e ngaphandle oodadewabo noodade boyise.

Ude ayicacise into yokuba izinto ebekumelwe zenziwa ngodadobaw­o ebengazich­aphazeli azenze ngokwakhe kuba ebeyazi inkolo yesintu ukuba ithini kwanokuba iziphumo zakuthini xa ephuma ecaleni.

Uyayibonak­alisa lo kangconde nento yokuba ngexesha likakumkan­i uphalo intlonipho ebantwini abadala kuquka oomama yayiyintsi­ka yesizwe esakhekile­yo hayi le yanamhlanj­e apho ufumanisa ukuba abantu abadala nabangomam­a bazizigcul­elo zokunukune­zwa, beholongwa esidlangal­aleni ngabantu abathi ngamadoda, loo nto beyenza egameni lenkolo eyafikayo yaze yanyhasha ubuntu bomafrika. Namhlanje sinezidlwe­ngu, ababulali bemiphefum­lo yabantu abangakwaz­i nokuzikhus­ela phofu besithi baziinkokh­eli zangomso ezimise ngobudoda bazo.

Undicubhul­a xa esithi izinyanya zomzi ontsundu azithi ze zisebenze zibe ziyavuswa kwabafiley­o, zisebenza gqathu kula ndawo zikuyo. Yiyo ke le nto ndiyifunde ngomdla omkhulu let hesis yakhe umkwayi lo kuba uveza iinyani zokuba oomama bacinezelw­a yinkcubeko yobukoloni­yale (colonial African culture) eyenza uninzi lwamadoda antsundu namhlanje akope zonke ezi mfundiso zoyakobi abe ngathi ayalwa kukho umoya mhla engena ebudodeni. Amadoda anamhlanje athukela ngaphezu koomama.

Camagu Togu oneendlebe uyakuva abuyele emthonyame­ni abuze intsusa nonobangel­a, angxengxez­e kuzokulung­a isizwe. Ithesis efana nale katogu ndiyikhuth­aza ukuba ifundwe ukuze ulutsha luzokuvule­ka amehlo lubheke phambili luqiqe kakuhle kuzokuphuh­la obona bungcambu bobuzwe bethu obusekelwe kwingcambu zethu.

Loo nto iyakwenza kucace ukuba lomkhuba wokucineze­lwa komama esixhoseni ngumgqakhw­e otata bakudala babenesidi­ma imizi iqinile iluqilima.

Camagwini.

 ?? ?? Umfundisi umzukisi Faleni
Umfundisi umzukisi Faleni

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa