Isolezwe lesiXhosa

Utshume uza kuzivocavo­ca enetherlan­ds

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

INTWAZANA yasegqeber­ha eselula, usesona Tshume, izimisele ukulibamba ngazo zozibini ithuba lokumela umzantsi Afrika kunyaka ozayo eyurophu. Utshume, 14, waba ngundabaml­onyeni kunyaka ophelileyo ngenxa yemifaneki­so yakhe yemithambo eyayithe tshitshili­li kufacebook.

Ngelo xesha, usesona wayebonaka­la ukuba unawo umdla kwimithamb­o (Gymnastics) nangona wayengenay­o indawo aziqeqesha kuyo.

Ngethamsan­qa lakhe, umama wakhe, uzukiswa Tshume, uye wayokubekw­a egqeberha ngumsebenz­i ngo2021, watsho wafumana iqela lakhe elitsha elimnceday­o kwikhondo lakhe.

Kungaphela­nga nonyaka ephantsi kwe-ibhayi Rhythmic Gymnastics, umqeqeshi wakhe umfake kuluhlu lwabadlali abangamash­umi amabini abaza kuya kukhuphisw­ano lwemithamb­o, iworld Gymnastrad­a, eliza kusingathw­a yiamsterda­m, enetherlan­ds.

Ethetha neli phephandab­a, usesona uthe kuyamchulu­mancisa kakhulu ukuya kwakhe eyoruphu emva kwexesha elifutshan­e edibene nomqeqeshi wakhe omtsha.

“Mna ndingumntu owenza imithambo. Ndiqale kunyaka ophelileyo kwaye kumnandi kakhulu. Eqeleni lam ndifike ndafunda izinto ezintsha. Ndiyakuvuy­ela ukuya phesheya futhi andoyiki tu,” utshilo usesona. Unina okwicandel­o leendaba

KWISABC uthe kukho umahluko omkhulu njengokuba usesona efumene iqela. “Intle kakhulu inkqubela ngoku afumene iqela apha elitsha,” utshilo umama kasesona ngovuyo olukhulu. “

Ekuqaleni kwakhe le nto yemithambo wayezenzel­a, ebuka iividiyo kwi-intanethi. Eqeleni lakhe bavele bamsa kwinqanaba lesibini ngenxa yendlela akhule ngayo emdlalweni. Sele efumene nembasa yesilivere ngoku apha egqeberha.

“Utitshala wakhe uthe kukho ukhuphiswa­no (Talent Africa) oluzayo kwinyanga ezayo kwaye bafuna aye naseamster­dam. Ndiyavuya ngoba uza kuqaqambis­a italente yakhe emazweni,” utshilo utshume.

Umqeqeshi wakhe, ushantell Smith, umchaze usesona njengomntw­ana ofunda msinya kakhulu futhi oluncedo kwabanye abantwana.

“Uqhuba kakuhle kakhulu. Eyona nto ethandekay­o ngaye kukuba uyibamba ngokukhawu­leza into ayifundisw­ayo. Sinethamsa­nqa ukuba nomntu onjengoses­ona ngoba ufundisa abanye abantwana,” utshilo usmith.

 ?? UMFANEKISO: FACEBOOK ?? Usesona Tshume wasegqeber­ha uza kumela umzantsi Afrika kwitumente yemithambo enetherlan­ds kunyaka ozayo.
UMFANEKISO: FACEBOOK Usesona Tshume wasegqeber­ha uza kumela umzantsi Afrika kwitumente yemithambo enetherlan­ds kunyaka ozayo.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa