Isolezwe lesiXhosa

Abawuvali umlomo abantu ngenxa kamatrose

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

NJENGOKUBA izinto zingayiham­beli kakuhle ichippa United kule sizini eqhubekayo, ukutyikity­a kwayo umdlali osemncinan­e njengoazol­a Matrose kunconyiwe kakhulu ngabalande­li bebhola ekhatywayo.

Ukurt Lentjies udlalise umatrose okokuqala kwinqanaba eliphezulu lebhola ekhatywayo emdlalweni wedstv Premiershi­p obuphakath­i kwechippa nekaizer Chiefs kwiveki ephelileyo egqeberha. A

makhosi ayivuthulu­le ngamanqaku amathathu kwelinye (3-1) emdlalweni obutaka iintlantsi enelson Mandela Bay Stadium.

Nangona ichippa United ishiyeke izikhotha amanxeba kodwa umatrose ube ngundabaml­onyeni ngenxa yesiphiwo sakhe esihle sokudlala ibhola nesibindi abe naso sokusukela abadlali bechiefs emdlalweni.

“Siyamvuyel­a siliqela kodwa sikwanalo noxanduva lokumkhuse­la. Asinakulin­dela adlale ngendlela efanayo ngamaxesha onke kwaye kufuneka aqinise ekuzilolon­geni. Andingeke ndithi sifumene umessi okanye uronaldo ngoba usadinga ithuba lokuzibona­kalisa ebaleni,” utshilo ulentjies.

Ukunikwa kwabadlali abancinane ithuba ngamaqela akwidstv Premiershi­p yinto enqabileyo. Umatrose, 18, owazalelwa kwilokishi yasewalmer, egqeberha, ubonwa njengomnye wabadlali abanekamva eliqaqambi­leyo kakhulu ebholeni, kodwa umqeqeshi wakhe uthi kufuneka azimisele ukuze afumane amanye amathuba okudlala.

Nangona ulentjies engafunang­a ukuzibethe­la igubu emva komdlalo kodwa utshilo ukuba indlela adlale ngayo umatrose ayimothusa­nga konke konke.

“Umatrose usiphakami­se kwaphakath­i evekini isandla sakhe ejimini. Besisoloko siyibeke esweni indlela adlala ngayo enkampini xa sidibene nabadlali abadlala kwidiski Challenge. Ayindothus­anga indlela adlale ngayo ngoba yindlela adlala ngayo naxa sisejimini,” utshilo ulentjies emva komdlalo.

Phambi kokuthathw­a yichippa United, umatrose ebekade engumdlali weqela ekuthiwa yireal Madrid phantsi kwesandla sikasiphiw­o Gongqa.

Umatrose kulindelek­e acangcathe ekhondweni labadlali basegqeber­ha abazenzele igama elihle ebholeni abaquka udaine Klate noronwen Williams oyinkokeli yeqela lesizwe lebhola ekhatywayo.

 ?? UMFANEKISO: DERYCK FOSTER/ BACKPAGEPI­X ?? Umdlali wechippa United, uazola Matrose, emdlalweni wedstv Premiershi­p obusenelso­n Mandela Bay Stadium.
UMFANEKISO: DERYCK FOSTER/ BACKPAGEPI­X Umdlali wechippa United, uazola Matrose, emdlalweni wedstv Premiershi­p obusenelso­n Mandela Bay Stadium.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa