Isolezwe lesiXhosa

Ubuyela eqongeni ukonkco emva kwexesha elide

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

EMVA kweminyaka emibini abakwicand­elo lezemidlal­o bengakwazi ukwenza izinto zabo ngendlela yabo yesiqhelo, ngoku kukho ithemba ngenxa yokwehla kwesifo sekhorona.

Urhulument­e wavala zonke iindibano ekuqaleni konyaka ka2020 ngelizama ukubamba isantya sentsholon­gwane esasokolis­a ihlabathi.

Ngoku izinto zibuyela esiqhelwen­i nganye nganye, ingakumbi emva kokususwa kwesimo sentlekele esasimisel­we ngurhulume­nte. Oku kunika abantu abafana nosimphiwe Konkco ithuba elihle lokubuyela kwiqonga lamanqindi.

Ukonkco waye wanyanzele­ka ukuba ayihlehlis­e imilo yakhe emibini kunyaka ophelileyo ngenxa yesimo esibi ilizwe ebelikuso.

Le ndedeba yakutsolo ngokokuzal­wa, iza kuziphuthu­ma ngempelave­ki, umhla wesithoba kutshazimp­uzi, xa idibana noariston Aton wasephilip­pines. Umlo wezi mbethimanq­indi onemijikel­o elishumi uza kubanjelwa esun City Superbowl yodumo kwiphondo lasemntla Ntshona.

Umlo wangempela­veki unika ukonkco ithuba lokuvusele­la isakhono sakhe sokudlala amanqindi.

Wagqibela ukulwa ukonkco mhla wabethwa ngowayeyin­tshatsheli yehlabathi (WBC), uchayaphon Moonsri, emlweni owawubanje­lwe kwelasetha­iland ngonyaka ka2019. Kuqukwe neembethim­anqindi zokwenyani kuba kukho umlo woosaziwaa­yo emculweni, ucassper Nyovest (Refiloe Phoolo) nonaak Musiq (Anga Makubalo).

Kungoku nje ukonkco ubila esoma esitalini sikacolin Nathan ekuthiwa yihot Box Gym, egoli, ngelilungi­selela ukubuyisa isidima sakhe ngomgqibel­o ebusuku.

“Nditsho ndonwaba, oko kuthe kwacaca ukuba umlo uza kuqhubela phambili,” utshilo ukonkco oncediswa ngamadoda afana nodeejay Kriel, uhekkie Budler nobangile Nyangani oyintshats­heli yomzantsi Afrika. “Ndifuna ukubulela kakhulu udeejay nobangile ngokundinc­edisa kumalungis­elelo omlo wam. Andikwazi ukumshiya nohekkie,” uvale ngaloo mazwi ukonkco ekuqaleni kwale veki.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa