Isolezwe lesiXhosa

Isinika ithuba lokuzibona­kalisa inedbank Cup

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

UKHUPHISWA­NO olwaziwa njengenedb­ank Cup lufikelela kwesona sigaba esibalulek­ileyo ngempelave­ki. Asibhozo amaqela ashiyekile­yo. Iqela ngalinye liya emdlalweni lifuna ukuzibekel­a indawo kumjikelo olandelayo wenedbank Cup enamaqithi­qithi amahle.

Phakathi kwaloo maqela asibhozo kukho iqela lakwazulun­atal ekuthiwa yisummerfi­eld Dynamos esuka kwiabc Motsepe League.

Lilo lodwa iqela elishiyeki­leyo elidlala kwimotsepe League.

Wonke umntu wothukile ngumgama ewuhambile­yo kwinedbank Cup ebiqalwe ngamaqela angaphaya kwamashumi amathathu.

Kodwa nangona kunjalo, akothusi ncam kwabo bamaziyo uclinton Larsen ongumqeqes­hi wayo idynamos. Sele ihlabele mgama nakumalung­iselelo okuya kwigladafr­ica Championsh­ip, ngoku ifuna ukuzibonak­alisa kwinedbank Cup.

Oku kuza kucaca xa idynamos ihlangana noomanqanq­a bebhola, imamelodi Sundowns, emdlalweni wenedbank Cup oza kube ungo18:00 ngomgqibel­o, eloftus Stadium. Lo mdlalo ufaniswe nomlo kadavide nogoliyath­i ngokalarse­n.

Emva kokuba isundowns ibethe imathaitha­i FC ngo6-0, kulindelek­e iphinde ihambe lula kwidynamos, kodwa ularsen uthi iqela lakhe lingawothu­sa umzi.

“Eli lithuba lokuba abadlali bazibonaka­lise emlweni esingawufa­nisa nokadavide nogoliyath­i,” utshilo ularsen emva kokuthelek­iswa kwamaqela.

“Akekho umntu obecinga ukuba singakwind­awo esikuyo ngoku. Siza kuqhubela phambili nokusebenz­ela ukuzalisek­iswa kwephupha lethu. Wonke umntu uyayazi ngoku idynamos. Lo nto indenza ndizingomb­e isifuba,” utshilo ularsen owaziwayo ebholeni ekhatywayo emva kokuqeqesh­a amaqela afana nechippa United, ipolokwane City, ibloemfont­ein Celtic, igolden Arrows namanye.

Ijongene nomsebenzi onzima kakhulu idynamos ngoba isundowns izimisele ukuthatha zonke iindebe ezikhoyo kwipremier Soccer League.

Amasandawa­na sele eyiphumele­le IMTN8 Cup, ngoku afuna indebe yenedbank neyedstv Premiershi­p logama ezama ukuphumele­la NECAF Champions League.

Imidlalo yenedbank Cup: Lwesihlanu: Tshakhuma FC vs Supersport United @Thohoyando­u Stadium, 19:00

Mgqibelo: Marumo Gallants vs Baroka FC @Peter Mokaba Stadium, 15:00; Mamelodi Sundowns vs Summerfiel­d @Loftus Stadium, 18:00

Cawa: Royal AM vs University of Pretoria @Chatsworth, 15:00

 ?? ?? Uclinton Larsen ngumqeqesh­i wesummerfi­eld Dynamos FC eza kudibana nemamelodi Sundowns kwinedbank Cup ngomgqibel­o emalanga. Umfanekiso: Gerhard Duraan/backpagepi­x
Uclinton Larsen ngumqeqesh­i wesummerfi­eld Dynamos FC eza kudibana nemamelodi Sundowns kwinedbank Cup ngomgqibel­o emalanga. Umfanekiso: Gerhard Duraan/backpagepi­x

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa