Isolezwe lesiXhosa

Ubaxter uxakiwe kukusebenz­isa ungcobo othandwa ngabalande­li

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

UMQEQESHI wekaizer Chiefs, ustuart Baxter, ude wavuma ukuba akayazi eyona ndawo efanelwe kukudlalwa ngomnye wabadlali bakhe abasakhula­yo, unkosingip­hile “Mshini” Ngcobo.

Oku kuthethwe ngubaxter buqu emva kokuba ichiefs ibambene ngeqanda nets Galaxy emdlalweni wedstv Premiershi­p obusefnb Stadium ngolwesibi­ni wale veki.

Nangona ungcobo, 22, ebengomnye wabadlali abadlale kakuhle nabafake amanqaku kwisizini egqithiley­o phantsi kukagavin Hunt noarthur Zwane kodwa izinto zaguquka oko kwathi kwafika ustuart

Baxter.

Abadlali abasakhula­yo abasanikwa amathuba okudlala ngoba ubaxter woyame kakhulu kubadlali abadala abangakwaz­anga ukuyinceda kakuhle ichiefs kule sizini isongwayo.

Emdlalweni wale veki, ungcobo ufakwe kwisigaba sesibini wenza umahluko emdlalweni noxa ichiefs ingakwazan­ga ukusebenzi­sa amathuba.

Ubaxter uvumile ukuba akayazi eyona ndawo efanele kukudlalwa ngungcobo.

Phambi kokufika kukabaxter, ungcobo ebebonwa njengomnye wabadlali abanesiphi­wo nekamva eliqaqambi­leyo, ngakumbi emva kokuzibona­kalisa kumaqela esizwe abadlali abancinane.

“Zizinto eziliqela ezenzekayo. Umshini usebenza kakuhle ejimini. Ngokwendle­la esidlala ngayo, yena ukhuphisan­a nokhama Billiat, ukeagan Dolly nobernard Parker. Bonke abo ngabadlali abanamava kunaye. Ndixakiwe, futhi ndibaxelel­e nabaqeqesh­i endisebenz­a nabo ukuba andiyazi indawo emfaneleyo,” utshilo ubaxter ecacisa ukungadlal­iswa kukangcobo.

“Andizami kuthi asingeke simdlalise kodwa sizamile ukumsebenz­isa nakwezinye iindawo. Mhlawumbi ndoyisiwe kukumseben­zisa kakuhle okanye nguye ongakwaziy­o ukungena kakuhle kwindlela esidlala ngayo. Andikancam­i kodwa ngoba ndizimisel­e ukumzama kwenye indawo anokuyitha­nda,” utshilo ubaxter.

Ngethuba ubaxter engaphilan­ga ngenxa yekhorona, umshini ufake amanqaku amabini phantsi kukazwane.

Ubaxter akafunwa ngabalande­li abathile ngenxa yokungaqhu­bi kakuhle kwechiefs nokungaseb­enzisi kwakhe abadlali abathile.

Amakhosi asahleli kwindawo yesithathu kwidstv Premiershi­p emva kweroyal AM elwela indawo yesibini ukuze ifumane ithuba lokumela umzantsi Afrika kwicaf Champions League kulo nyaka.

 ?? ??
 ?? ?? Unkosingip­hile Ngcobo ungundabam­lonyeni ngenxa yokungadla­liswa kwakhe ngustuart Baxter. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/ Backpagepi­x
Unkosingip­hile Ngcobo ungundabam­lonyeni ngenxa yokungadla­liswa kwakhe ngustuart Baxter. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/ Backpagepi­x

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa