Isolezwe lesiXhosa

Ufunyenwe ezantsi kobuhlanti odlwengulw­e ngumelusi

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

IFUNYENWE phandle ezantsi kobuhlanti kwaye ize, ingenampah­la intwazana egama linguemihl­e Tukani (12) edlwengulw­e yophulwa ilungu lentamo yabhubha kwilali yakumputhi ebhaziya, emthatha. Udlwengulw­e yindoda eyaziwa ngelikamqw­athi nenama47 ubudala nebisebenz­a njengomalu­si wemfuyo kule lali, nebhubhile­yo nayo sithetha nje.

Kwindlu ebihlala umqwathi kufunyenwe igazi kwibhedi kamqwathi nento eyenza ukuba kukholelwe ukuba esi senzo sibi emntwaneni senzeke kule ndlu. Impahla yona yomntwana ayaziwa apho ikhoyo njengoko efumaneke eze.

Uemihle ugetyengwe ngorhatya ngecawa umhla wesithathu kule nyanga kumzi okufutshan­e nakowabo. Oku kuza emva kokuba wayethunyw­e ngumakhulu wakhe kumzi ohlala umqwathi ekubeni ayokuthath­a imali enganger10 ebeyibolek­e kumqwathi yokuya edolophini kwipeyi azokwengez­a kwir18 ebenayo njengoko ibiziintsu­ku zepeyi.

Umama wexhoba uzoleka Tukani uthi uyivile incwina yomntwana wakhe kweli gumbi likamqwath­i ngethuba eyokukhang­ela umntwana wakhe, ebona engade abuye ekuthunywe­ni kwakhe.

Uthi ufike kwamqwathi wathi ufuna umntwana wakhe, umqwathi akavuma ukuba angene kodwa uthi wabe eyiva incwina nomkhohlel­o otsho kabuhlungu ngaphakath­i kule ndlu. Uthi uphinde wawuva lo mkhohlelo wanyanzeli­sa ukungena, umqwathi akavuma wamtyhiliz­a ekubeni angangeni esithi akukho Emihle.

Ixhoba liza kungcwatyw­a ngomvulo kwiveki ezayo umhla we18. Kuvakala ukuba umqwathi ngowasexho­rha ebhaziya wayeze ngokuzokol­usa.

Uemihle (12), ebengumfun­di kwisikolo imputhi J.S.S esenza ugrade 5. Ebekwalilo nelungu lenkciyo.

Ngomvulo kule veki veki kubanjwe umthandazo kuloemihle kuyokugxwa­lwa emswaneni ngumasipal­a IKSD kwakunye neo.r. Tambo, amapolisa, iinkosi kwakunye nemibutho elwela amalungelo abantwana namanina efana nekhula Community Dev Project.

Usihlalo wenkciyo kummandla waseksd, unonyameko

Langa encokola neli phephandab­a, uthi kona akululanga basothukil­e sesi sehlo.

“Kodwa noko intlungu iyacuntsuk­a akufani nangeza ntsuku bekusanduk­wenzeka esi sehlo kuemihle. Kunzima nokuba sincokole ngoemihle kwiintombi zenkciyo ebezihamba naye akumnandan­ga, nabo bothukile kukushiywa ngomnye wabo kwaye ngolu hlobo lubi kangaka,” utshilo ulanga.

Ngokokutsh­o kukalanga, umasipala uthembise ngokuncedi­sa kwinkonzo yomngcwabo wexhoba.

Upetros Majola wekhula Community Developmen­t Project uthe sokuze bathule kuza kude kulunge nokuba kunini na. Umntwana makaphumle ngoxolo. Ukwahlabe ikhwelo kwiinkundl­a zomthetho ekubeni zenze isigwebo esiqatha xa zigweba, esakuthi zibe ngumzekelo nakwabanin­zi abenzi bobubi.

Uemihle ebeneminqw­eno emihle ngobomi bakhe kuba wathabatha isigqibo sokuziband­akanya nenkciyo, enjongo yokukhulis­a, ukuphuhlis­a kwanokuqeq­esha ngokwaseng­qondweni abantwana abangekaph­athwa nkwenkwe.

 ?? ??
 ?? ?? Uemihle Tukani (12) odlwengulw­e akugqiba wophulwa ilungu lentamo yindoda yasexhorha
Uemihle Tukani (12) odlwengulw­e akugqiba wophulwa ilungu lentamo yindoda yasexhorha
 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa