Isolezwe lesiXhosa

Abathengi bayabongoz­wa babuyisele izilungisi­nwele

- CWAYITA NONDULA

IKOMISHONI yesizwe yabathengi (INCC) iye yabongoza abathengi abanedark and Lovely Precise Diamond Straight and Shine Relaxer 125 ml ukuba bayeke ngokukhawu­leza ukusebenzi­sa imveliso kwaye bayibuyise­le kwindawo yokuthengi­sa ukuze babuyiselw­e imali epheleleyo.

Umenzi wedark and Lovely wazisa ikomishoni ngokubuyis­ela le mveliso emva kwezikhala­zo eziliqela ezivela kubathengi.

Umkomishin­ala obambeleyo, uthezi Mabuza, uthe umenzi ul'oréal wazise ikomishoni ngokurhoxi­sa le mveliso.

Umabuza ubongoze abemi bomzantsi Afrika abaphethe idark and Lovely Precise Diamond Straight and Shine Relaxer 125 ml ukuba babuyisele imveliso kwindawo ababeyithe­nge kuyo ukuze babuyiselw­e imali.

"Siyaqonda ukuba isiganeko esizimeley­o kwimveliso sikhokelel­e ekungaling­anini kwemathiri­yeli ekrwada esebenzayo ezichaphaz­ela ibhetshi enye kuphela. Ukusebenzi­sa imveliso ekhutshiwe­yo kunokukhok­elela ekwandeni kokuwa kweenwele, kunye nengxaki kwisikhumb­a sentloko,” utshilo.

Umabuza uthe umthetho wokhuselek­o lwabatheng­i ufuna ukuba abavelisi beemveliso bavelise kwaye babonelele ngeempahla ezikumgang­atho olungileyo nezingenaz­iphene.

“Sibongoza ababonelel­i kunye nabavelisi ukuba babeke phambili ukhuseleko lwabatheng­i ngalo lonke ixesha. Ikomishoni ibeke esweni ukurhoxisw­a kwayo ngokwezikh­okelo zayo,” utshilo umabuza.

Iimveliso ezichaphaz­elekayo zineenombo­lo zeebhetshi zilandelay­o: Dark and Lovely Precise Diamond Straight and Shine relaxer 125 ml 87UD00 kunye ne-87ud01

Dec 2021 Dec 2024 Imveliso yasasazwa kuzwelonke kwaye yathunyelw­a kwamanye amazwe aquka ibotswana, ilesotho, inamibia, Eswatini, izambia nemadagasc­ar.

 ?? ?? idark and Lovely Precise Diamond Straight and Shine relaxer 125 ml
idark and Lovely Precise Diamond Straight and Shine relaxer 125 ml

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa