Ikokotela Foundation icele ubhaka, yanikwa ijezi
ULINDOKUHLE Mbutana noyinzalelwane yasecumakala uqale kancinci ngokubhala kuwhatsapp wakhe ecela nakubani na onokuba nobhaka angamsebenzisiyo amphe, emva kokubona umntwana wesitalato sakhe enobhaka okrazukileyo, kanti lawo ngamaqalela esisa sakhe esibizwa ngokuba yikokotela Foundation.
Umbutana, emva kokubuya kwakhe egoli, nobekade esebenza ngasemva kumdlalo igenerations: The Legacy kamabonakude, ufike kowabo kwamlungisi, ecumakala, waqalisa ukuncedisa abantwana abancinane kumsebenzi wabo wesikolo xa bebuya ezikolweni zabo.
Uthi uqaphele umntwana efika nobhaka wakhe okrazukileyo emva koko wachukumiseka kakhulu kukubona le nto, ngoko bekungeyomdumba kulo nyaka.
“Ndachukumiseka kakhulu ukubona kwam lo bhaka kuba ngumntwana okrelekrele kakhulu kwaye ozimiseleyo kumsebenzi wakhe lo. Ndaye ndafikelwa yinto ethi abantwana ezikolweni bayahlekana, beqhulana kuba ingabantwana ke xa omnye ekrazukelwe yijezi, sisihlangu, okanye ngubhaka aphele umntwana engasenawo umdla wokuvuka aye esikolweni kuba ecinga okwakuhlaselwa,” utshilo umbutana.
Uthi abantu bathumela oobhaka, abanye bebuza ngezihlangu nangeejezi, into athi akazange ayicingele ukuba ingavele ikhule ngokukhawuleza olwa hlobo.
Uthi zange ancedwe ngabantu abasecumakala kuphela baninzi nakumanye amaphondo abavelayo befuna ukunceda. Uthi kumntwana omnye owaymcelwla ubhaka kwancedakala nabanye ngeejezi nangezihangu.
Umbutana uqhuba athi elona phupha lakhe kukubona abantwana bonwabile kwaye bekhuselekile kuba lelona kamva lesizwe. Uthi akasajonganga kwimpahla yesikolo kuphela, ukwacela nabo baneempahla zokuhomba bangasazisebenzisiyo bamphe, akwazi uyokunikela ngazo kwabo bangathathi ntweni. Uthi nangaphandle kokuba zisiwe kuye uyakhuthaza nje ubuntu eluntwini xa ubona lowo ungenanto umcuntsulele konayo.
Igama ikokotela uthi linenkcazelo enzulu kakhulu kuba lithetha ukuzama, kungoko ezamela abanye kuba efuna ukubeka uncumo kwabangathathi ntweni. Lowo unomdla wokunikela kwanokusebenzisana nombutana angamtyelela kwikhasi lakhe kufacebook kungenjalo ambhalele kuwhatsapp: 071 051 5391.