Isolezwe lesiXhosa

Ikokotela Foundation icele ubhaka, yanikwa ijezi

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

ULINDOKUHL­E Mbutana noyinzalel­wane yasecumaka­la uqale kancinci ngokubhala kuwhatsapp wakhe ecela nakubani na onokuba nobhaka angamseben­zisiyo amphe, emva kokubona umntwana wesitalato sakhe enobhaka okrazukile­yo, kanti lawo ngamaqalel­a esisa sakhe esibizwa ngokuba yikokotela Foundation.

Umbutana, emva kokubuya kwakhe egoli, nobekade esebenza ngasemva kumdlalo igeneratio­ns: The Legacy kamabonaku­de, ufike kowabo kwamlungis­i, ecumakala, waqalisa ukuncedisa abantwana abancinane kumsebenzi wabo wesikolo xa bebuya ezikolweni zabo.

Uthi uqaphele umntwana efika nobhaka wakhe okrazukile­yo emva koko wachukumis­eka kakhulu kukubona le nto, ngoko bekungeyom­dumba kulo nyaka.

“Ndachukumi­seka kakhulu ukubona kwam lo bhaka kuba ngumntwana okrelekrel­e kakhulu kwaye ozimiseley­o kumsebenzi wakhe lo. Ndaye ndafikelwa yinto ethi abantwana ezikolweni bayahlekan­a, beqhulana kuba ingabantwa­na ke xa omnye ekrazukelw­e yijezi, sisihlangu, okanye ngubhaka aphele umntwana engasenawo umdla wokuvuka aye esikolweni kuba ecinga okwakuhlas­elwa,” utshilo umbutana.

Uthi abantu bathumela oobhaka, abanye bebuza ngezihlang­u nangeejezi, into athi akazange ayicingele ukuba ingavele ikhule ngokukhawu­leza olwa hlobo.

Uthi zange ancedwe ngabantu abasecumak­ala kuphela baninzi nakumanye amaphondo abavelayo befuna ukunceda. Uthi kumntwana omnye owaymcelwl­a ubhaka kwancedaka­la nabanye ngeejezi nangezihan­gu.

Umbutana uqhuba athi elona phupha lakhe kukubona abantwana bonwabile kwaye bekhuselek­ile kuba lelona kamva lesizwe. Uthi akasajonga­nga kwimpahla yesikolo kuphela, ukwacela nabo baneempahl­a zokuhomba bangasazis­ebenzisiyo bamphe, akwazi uyokunikel­a ngazo kwabo bangathath­i ntweni. Uthi nangaphand­le kokuba zisiwe kuye uyakhuthaz­a nje ubuntu eluntwini xa ubona lowo ungenanto umcuntsule­le konayo.

Igama ikokotela uthi linenkcaze­lo enzulu kakhulu kuba lithetha ukuzama, kungoko ezamela abanye kuba efuna ukubeka uncumo kwabangath­athi ntweni. Lowo unomdla wokunikela kwanokuseb­enzisana nombutana angamtyele­la kwikhasi lakhe kufacebook kungenjalo ambhalele kuwhatsapp: 071 051 5391.

 ?? U MFANEKISO: FACEBOOK ?? Lindokuhle Mbutana wakwamlung­isi ecumakala oncede abafundi abaninzi ngoobhaka ecelela omnye.
U MFANEKISO: FACEBOOK Lindokuhle Mbutana wakwamlung­isi ecumakala oncede abafundi abaninzi ngoobhaka ecelela omnye.
 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa