Isolezwe lesiXhosa

Umabuyane unqumamise intloko yesebe lezemfundo

- CWAYITA NONDULA

INKULUBAPH­ATHISWA yempuma Koloni uoscar Mabuyane unqumamise ugqirha Naledi Mbude, intloko yesebe lemfundo okwethutya­na ngelixa kusenziwa uphando ngemiba ebalulekil­eyo echaphazel­a ukufundisa nokufunda kweli phondo.

Umabuyane wazise intloko yesebe ukuba ukunqunyan­yiswa komvuzo opheleleyo kuya kuqala ukusebenza ngoko nangoko.

Oku kukunqunya­nyiswa kwemiqatha­ngo yomgaqo woluleko kunye neenkqubo zamalungu eenkonzo zolawulo oluphezulu (SMS) equlethwe kwisahluko sesixhenxe sencwadana YESMS yenkonzo karhulumen­te.

Ukunqunyan­yiswa kukagqr Mbude kulandela imiba eliqela esuka kumsebenzi wesebe equka, ukulibazis­eka ekuhanjisw­eni kweencwadi zokubhala ezikolweni, ukulibazis­eka ekuqhutywe­ni kweentlawu­lo zabancedis­i bootitshal­a kwixesha leeholide zika2021 kunye nenkcitho engaphants­i kweziseko zophuhliso. Isibonelel­o esikhokele­la ekubuyisel­weni kwezigidi ezingama20­5 zeerandi kunondyebo.

Isithethi senkulumbu­so norhulumen­te ukhuselwa Rantjie uthe kwingxelo “Ukunqunyan­yiswa kwentloko yesebe kudala ithuba lokuba urhulument­e enze uphando ngale miba. Inkulubaph­athiswa umabuyane useke igqiza elikhokelw­e ngusekelam­lawuli Jikelele kwisebe lezemali lephondo eliquka amagosa aphezulu kwiofisi yenkulubap­hathiswa nonondyebo ukuze liqhube olunye uphando ngale miba lize lingenise ingxelo kuye kwisithuba esingangen­yanga.”

Umphathisw­a wesebe lezemfundo empuma Koloni, ufundile Gade, ukwamkele ukuchongwa kukamahlub­andile Qwase ngumabuyan­e ukuba akhokele isebe lezemfundo njengebamb­ela lentloko yesebe.

Uqwase unamava abanzi kulawulo nanjengoko ephuma kwiofisi yenkulubap­hathiswa apho ebesebenza njengoseke­la Mlawuli Jikelele.

Uqwase uza kube ebambele kweso sikhundla kulindelwe ukuqukunje­lwa kwalo mba njengoko unxulumene nombude kunye nazo naziphi na ezinye iinkqubo ezinxulume­neyo.

 ?? UMFANEKISO: ECDOE ?? Intloko yesebe lemfundo empuma Koloni, ugqirha Naledi Mbude onqunyanyi­siweyo kungoku nje.
UMFANEKISO: ECDOE Intloko yesebe lemfundo empuma Koloni, ugqirha Naledi Mbude onqunyanyi­siweyo kungoku nje.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa