Isolezwe lesiXhosa

Nca i40 kumafa Bavuma!

- SIM FREDDIE SIMPHIWE.FREDDIE@INL.CO.ZA

UKUTSHINTS­HA indlela yokuziphat­ha kwanokuzik­hwebula kwezinye izinto, yindlela umafa Bavuma afuna ukungena ngayo kumgangath­o wesine wobomi bakhe (4th floor).

Umafa ubhiyozela iminyaka engama40 walibonayo ilanga kule nyanga.

Wazalelwa kwisibhedl­ele isettlers Hospital emakhanda ngowe27 kutshazimp­uzi ka1982.

Lo msasazi womhlobo Wenene FM uthi kufike ithuba lokuba ahambele kude kubagxeki, koko azisondeze kwabo baza kumakha.

“Kukho okuza kutshintsh­a ngokwendle­la yokuziphat­ha, nokuzinxwe­ma kwezinye izinto bendikade ndizenza ngaphambil­i. Kwaye ke xa uzinxwema kwezinye izinto ngamanye amaxesha kuthi kuchaphaze­le nabanye abantu obukade uhamba nabo endleleni, kungekuba unxweme bona kodwa unxweme kwezo ndlela zokuziphat­ha. Andiyazi nokuba ndiyavakal­a na?” kutsho lo msasazi, ekwafile yintsini.

Wongeze ngelithi “Iminyaka endingena kuyo ngoku yiminyaka yokuba ukhusele isidima sakho, uxolo lwakho, intliziyo nengqondo yakho. Ungqalise amehlo akho ekuzakheni, ucwezele kude kumagqugul­a abagxeki, uzoyamanis­e nabantu abaza kwakha. Wazi ukuba ngoku okwenzayo akwenzeli wena, injongo kukwakha ikhaya lakho, ulungisele­la ikamva labantwana bakho nesizukulw­ana sakho,” kutsho eli gqibelo kubantwana abasibhozo.

Le nzalelwane yasealiced­ale ithi kuninzi ekufezekis­ileyo nenokubalu­la kule minyaka ingama40 yokudl' amazimba, kuquka incwadi yakhe ethi Born For This .

“Phakathi kwazo ndibhale incwadi ngobom bam, ndakwazi ukongeza isidanga seehonours kwimfundo yam enomsila, ukuba ndibe lilungu kwibhodi elawula kwimuseum inelson Mandela nokwakha igama lam eluntwini, phakathi kwezinye. Ndikwazile ukuzicela umngeni nakwiinkal­o ebendikade ndizoyikis­ela kuzo, ndasusa idyudyu ebendikade ndinayo, ndatyhala ngesifuba kumaxa amaninzi.

“Kukho intetho ethi 'ngokuya bendingumn­twana bendisenza izinto njengomntw­ana, ndathi ndakuba yindoda ndaqala ukwenza izinto zobudoda'. Ukufunda kwiziphene neempazamo endizenzil­eyo kule minyaka yobutsha bam. Ndingathi nditshints­ha igiya ngoku ebomini, ndingena kwelinye ibakala lobom,” kutsho lo msasazi waziwa ngokonwabi­sa abaphulaph­uli BEBEE yomhlobo Wenene.

Umafa ubhiyozela usuku lokuzalwa ngosuku lokukhumbu­la umhla wenkululek­o yomzantsi Afrika.

Uthi yena ufuna ukukhulule­ka kwingqumbo, ikratshi nenqala, koko abe nentliziyo exolelayo nakwabo bamngcikiv­ileyo kwixa langaphamb­ili.

“Kuba kaloku akukho nto ikhulula umphefumlo njengentli­ziyo exolelayo nengenanqa­la. Wakohlukan­a nezi zinto uthixo namanyange bayakuvule­la iindlela zakho, kuthi qwenge kukhanye,” kutsho lo tata wabantwana babini.

Uthi kuninzi asafuna ukufezekis­a ebomini bakhe.

“Kweli bakala ndikulo ndinqwenel­a ukongeza, ndakhe umqela oya kunceda abantwana bam xa sele ndingekho. Oko kuthetha ukuba ndiza kuqinisa ekwakheni iinkampani zam, iculo Communicat­ions nemafa Bavuma Foundation, lixesha lokuba izingqi zazo zivakale.”

Umafa ukhethe ukubhiyoze­la usuku lwakhe kulo nyaka esidlangal­aleni.

Abantu baye bathenga amatikiti okuzixuba naye ngolu suku lukhulu lwama27 kutshazimp­uzi.

“Le yona iza kuba nesidima, ingabanye babaphulap­huli abathe bazibekela indawo ukuba baza kubhiyoza nam. Kwaye ndithe ndamema nabantu abathe badlala indima enkulu ekundixhas­eni apha ekukhuleni kwam, oontanga bam endikhula nabo, abantu endithe ndadibana nabo emsebenzin­i, ekuhlaleni, kwanabo ndisebenzi­sene nabo ngokoshish­ino phakathi kwabanye.”

Le mibhiyozo iza kuqhutyelw­a emy Pond Hotel eport Alfred. Eqongeni kukho ubetusile Mcinga, udumza Maswana, ubulelani Koyo, uslyso Saliso, usinbad Sizani, utsepiso Nzayo noedgar Muzah.

Osafuna ukuzibekel­a indawo angatsalel­a utshepiso Tladi kwinombolo engu: 073 128 5959.

Umafa nguntondo kamamngqos­ini ongasekhoy­o notshawe Bavuma.

 ?? ?? Umsasazi womhlobo Wenene, umafa Bavuma ofinca iminyaka engama40 ezelwe UMFANEKISO: UTHUNYELWE
Umsasazi womhlobo Wenene, umafa Bavuma ofinca iminyaka engama40 ezelwe UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa