Isolezwe lesiXhosa

Kubhiyozel­wa amanina ngomculo egqeberha

- SIM FREDDIE SIMPHIWE.FREDDIE@INL.CO.ZA

AMANINA kufanele abhiyozelw­e kwaye abulelwe yonke imihla, hayi ngenyanga yethupha kuphela. Kungenxa yoku imahambehl­ala Communicat­ions igqibe kwelokubhi­yozela amanina kusengethu­ba egqeberha.

Le khonsathi, ebizwa Gqeberha Divas Concert

- A Tribute to Women yikhonsath­i yomculo engokubhiy­ozela, ukumanyani­sa, ukuxhasa nokuxhobis­a amanina.

Esi siganeko sesinye esisingise kumnyhadal­a iebubeleni obanjwa ngodisemba.

“Le minyaka mibini idlulileyo ibichaphaz­ele ngamandla ubugcisa, inkcubeko nemicimbi yolonwabo, kodwa siqhubekil­e nokuqinise­kisa ukuba umlilo awucimi ngokudala amathuba omsebenzi, ukunika iimvumi zasekuhlal­eni iqonga nokuba negalelo kuqoqosho lwenelson Mandela Bay, ngoku sizama ukwakha iqonga lolonwabo kwakhona,” kutsho umarc Mahambehla­la ongumququz­eleli wemicimbi nengqonyel­a yemahambeh­lala Communicat­ions.

Abaququzel­eli bakholelwa ukuba iimvumi ziza livuyela ithuba lokufumana umsebenzi kwesi sixeko nanjengoku­ba ilizwe liqala isiqalo esitsha.

Imahambehl­ala Communicat­ions ithi ngokwenza olu hlobo lwekhonsat­hi ifuna ukulwa neziganeko zempatho gadalala ezisekelez­elwe kumanina, ezithande ukuxhaphak­a elizweni njengombul­alazwe owolekela ikhorona.

Kule khonsathi kuza kutshila imvumikazi ezalelwe egqeberha, uami Faku ekhatshwa nguthoko oyimvumi yeafro-soul, ulorna Targaryen kwakunye nozazmoney.

Umbhexeshi eqongeni ngumsasazi wetrufm usima Fiyo.

Lo mcimbi ungolwesih­lanu we29 kutshazimp­uzi 2022 ethe Gallery on Produce. Iingcango zivulwa ngentsimbi yesithanda­thu emalanga.

Le khonsathi ixhaswa yinational Arts Council of South Africa, Eastern Cape Parks & Tourism Agency, inkqubela FM zibambisen­e nemahambeh­lala Communicat­ions.

Amatikiti afumaneka ewebticket­s ngokutyele­la kwa: www.webtickets.co.za nasepick n Pay nger200 ngelixa ukuhlala kwivip kuxabisa ir300

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa