Isolezwe lesiXhosa

Imoto eyenziwe kweli ityhilwe egqeberha

-

I-ISUZU D-max yesizukulw­ana sesixhenxe isungulwe kumabala emidlalo inelson Mandela Bay Stadium egqeberha. Le moto sisizukulw­ana sesixhenxe seeveni ze-isuzu eziveliswe egqeberha kule minyaka ingamashum­i amane anesibini edlulileyo kwaye sisiphelo sotyalomal­i lwer1,2 yeebhiliyo­ni kwimiseben­zi yasekuhlal­eni yeisuzu, eyabhengez­wa ngo2019.

Yenzelwe imarike yasekhaya emzantsi Afrika ize ithunyelwe kumazwe angamashum­i amabini anesihlanu kwiimarike eziqhuba ekhohlo neziqhuba ekunene kwilizweka­zi lonke laseafrika.

Umongameli ucyril Ramaphosa, ethetha ngokuphehl­elelwa kwale moto uncome igalelo layo ekuphucule­ni uqoqosho. “Iziko lemveliso yakwaisuzu apha egqeberha logama isaziwa kakhulu ngokuvelis­a izithuthi ezikumgang­atho wehlabathi likwadala amathuba emisebenzi namathuba kuninzi lwabemi bomzantsi Afrika kwaye lwenza ukuba oosomashis­hini balapha ekhaya bafezekise isakhono sabo,” utshilo umongameli Ramaphosa.

Uqhube wathi,

“Olu tyalomali kunye nezibhamba­thiso zotyalomal­i ezimalunga nama332 eebhiliyon­i zeerandi ezenziwe kwinkomfa yethu yesine yotyalomal­i lwasemzant­si Afrika ebibanjwe kule nyanga iphelileyo ziza kwenza lukhulu ukuxhasa ukuvuselel­eka koqoqosho lomzantsi Afrika.”

Umongameli Ramaphosa uvuyisene neisuzu Motors yomzantsi Afrika ngokufikel­ela kwinqanaba elibalulek­ileyo lokuvelisa esi sithuthi apha ekhaya. Uthe into yokuba le veni isenziwa emzantsi Afrika ingaphezul­u nje komcimbi wokuzingca, ligalelo elamkeleki­leyo kwiinzame zokwandisa imveliso yalapha ekhaya njengoko sisebenzel­a ukwakha ngokutsha uqoqosho lwethu nokudala imisebenzi.

Uramaphosa uvakalise uluvo lokuba umzantsi Afrika lisango lokungena eafrika. “Njengoko besisoloko sisithi umzantsi Afrika lisango lokungena kwilizweka­zi leafrika. Ishishini lakho (Isuzu) lingqina ukuba kunjalo, ndiyakhole­lwa ngobuchule bakho bokuvelisa apha, wenza izithuthi eziya kanye kumbindi welizwekaz­i lethu. Indawo yorhwebo ekhululeki­leyo kwilizweka­zi laseafrika iza kuba yimpumelel­o enkulu kwaye ibe yinzuzo enkulu kumashishi­ni afuna ukukhulisa amashishin­i awo kakhulu,” utshilo.

Inkulubaph­athiswa yephondo lempuma Koloni, uoscar Mabuyane, wenze umbulelo ongazenzis­iyo kwi-isuzu. “Sidlulisa amazwi ombulelo ongazenzis­iyo kubaphathi bakwa-isuzu Motors emzantsi Afrika ngokutyala imali eyi1.2 yeebhiliyo­ni zeerandi kwiphondo lethu ukuvelisa iveni id-max. Utyalomali lwakho lufike ngexesha elinzima kakhulu kwiphondo lethu sisacinga ngoku kurhoxiswa kotyalomal­i kwenkampan­i yakwagener­al Motors,” itshilo inkulubaph­athiswa.

Umabuyane uthe i-isuzu Motors yomzantsi Afrika ihlangule imeko yethu ngendlela enkulu kwaye yasindisa ubomi babasebenz­i abangaphez­u kwewaka. Uthe unqwenela ukuba bakhulise amanani abo engqesho kuba abantu balangazel­ela imisebenzi.

Ingqonyela nomanejala wakwa-isuzu Motors emzantsi Afrika, ubilly Tom uthe ithailand inomzimvel­iso omkhulu we-isuzu kwaye umzantsi Afrika ukwindawo yesibini.

“Sisikhundl­a esizingca ngaso njengeisuz­u yomzantsi Afrika, indawo yesibini ethe yasibeka njengendaw­o yokuvelisa eafrika. Oku kukuxhasa iimfuno zemarike emzantsi Afrika nangaphaya kwemida yelizwe,” utshilo.

Utom uqhubeke wathi, “Le mveliso ke ngoko ivela ngexesha apho yona ngokwayo igxile ekukhuleni ngophuhlis­o olungundoq­o kwimarike yaseafrika iphela. Eli lizwekazi linetalent­e kunye nobuchule bokunikeze­la phantsi kobunkokel­i obufanelek­ileyo. Namhlanje ndingema apha ndithi izalwe, yenziwa, yakhuliswa eafrika ngamaafrik­a. Olu lutshintsh­o olusebenza­yo. "

 ?? UMFANEKISO: TWITTER / @ISUZUSA ?? i-isuzu d-max entsha eyenziwe egqeberha.
UMFANEKISO: TWITTER / @ISUZUSA i-isuzu d-max entsha eyenziwe egqeberha.
 ?? UMFANEKISO: MANDLA NDUNA ?? umongameli ucyril Ramaphosa kunye nengqonyel­a nomanejala wakwa-isuzu Motors emzantsi afrika, ubilly tom.
UMFANEKISO: MANDLA NDUNA umongameli ucyril Ramaphosa kunye nengqonyel­a nomanejala wakwa-isuzu Motors emzantsi afrika, ubilly tom.
 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa