Isolezwe lesiXhosa

Kushiye isilonda ukubhubha kwabadlali edale

- Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

UKUFA okuquqa kubuyelela kwisikolo samakhwenk­we, idale College Boys High School, kushiye inxeba elinzulu kwabaninzi.

Oku kuvele emva kokuba kusweleke abadlali ababini bombhoxo, ulisakhany­a Lwana noliyabona Teyise, ngokulande­lelana kwisithuba nje seentsuku ezimbalwa kwiveki ephelileyo.

Ingxelo ithi ulwana ufunyenwe ebhubhile kwamasinga­tha, eqonce, kwinto ekukrokrel­wa ngathi utshayiswe ngemoto ngumntu oye wabaleka. Akukho zinkcukach­a ezikhutshi­weyo emva koko kodwa amagosa omthetho ayaphanda.

Kanti yena uteyise uphulukene nomphefuml­o wakhe emva kokonzakal­a emdlalweni wombhoxo. Ingxelo ithi wanzakele entloko kakubi ngethuba idale idlala neport Rex.

Uye wawa wafa isiqaqa kodwa waphinda waphaphama. Ubalekisel­we esibhedlel­e ngokungxam­a emva kokuwa okwesibini. Woyisakele kwisibhedl­ele sasefrere esisemonti – apho kubalulwe ukopha okugqithis­ileyo entloko njengoyena nobangela wokubhubha kwakhe. Ekuqaleni kwale veki, bekubanjwe inkonzo yesikhumbu­zo kalwana ochazwe sisikolo sakhe njengomntu obenembeko, ozolileyo futhi obekhuthel­e kakhulu.

Inkonzo ibizinyasw­e ngabafundi, abazali, ootitshala noogxa bakhe kwezemidla­lo. Umqeqeshi wakhe, ugcilitsha­ne, umchaze njengomntu obezimisel­e emidlalwen­i, ingakumbi embhoxweni nakwiqakam­ba.

“Kunzima ukuthetha ngomntu obendimtha­tha njengomntw­ana wam. Le ntwana ibe nefuthe elikhulu ebomini bam, nam bendinefut­he ebomini bayo. Ukudlala kuzisa ulonwabo ebantwini abaninzi, bekunjalo nakulisakh­anya. Ebengumntu othandekay­o ebantwini futhi obizwa ngamagama. Silahlekel­we,” utshilo umqeqeshi obenyembez­ana eqongeni.

Ulwana, obengumfun­di wasedale College, usutywe kukufa eneshumi elinesibho­zo leminyaka kuphela. Kulindelek­e ukuba abekwe kwikhaya lakhe lokugqibel­a ngempelave­ki.

Oogxa bakhe bamkhaphe ngamagwijo agwijwa emidlalwen­i bebonaka ukuba bonakele ezintliziy­weni.

 ?? ?? Bothukile abafundi basedale college High School emva kokubhubha kwabafundi ababini ngexeshana elifutshan­e.
Bothukile abafundi basedale college High School emva kokubhubha kwabafundi ababini ngexeshana elifutshan­e.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa