Isolezwe lesiXhosa

Ingavuma IWSU ukuphindwa yifort Hare?

- Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

AMAQELA amabini adlala kwivarsity Shield, ifort Hare University newalter Sisulu University, aza kududlana okweenkunz­i zegusha emdlalweni ojongwe ngamehlo abomvu ngabalande­li bombhoxo.

Umdlalo wala maqela mabini wasempuma Koloni uza kube ubanjelwe edavidson ngentsimbi yesixhenxe ngorhatya ngolwesine wale veki.

Okuncumisa­yo ngomdlalo wefort Hare newalter Sisulu kukuba kuza kube kuboniswa esizweni italente yasempuma Koloni – iphondo elinembali etyebileyo kakhulu kwicala lokuvelisa abadlali abaphambil­i embhoxweni wasemzants­i Afrika nakwihlaba­thi liphela.

Emva kwemidlalo emithandat­hu yevarsity

Shield kwisizini eqhubekayo, ifort

Hare ithe ngcu phezulu kwaye iyiphumele­le yonke imidlalo yayo.

Kanti yona IWSU All Black ihleli kwindawo yesine. Iphumelele imidlalo emithathu, yaze yabethwa kweminye emithathu.

Phakathi kwaloo midlalo kukho eyankulwa kuwo yifort Hare ngo27-13 kwinyanga yokwindla. Umbuzo ngowokuba iza kuvuma na iwalter Sisulu ukuhlazwa kabini yifort Hare? Impendulo iza kuvela ebaleni ngolwesine.

Kodwa xa ubani ejonga indlela edlala ngayo ifort Hare kule sizini, maninzi amathuba okuphumele­la kwayo kwakhona.

Nangona iwalter Sisulu ibiyeyona inamandla kwivarsity Shield kumaqela alapha empuma Koloni phambi kokufika kwekhorona, kodwa izinto azisafani.

Mhlawumbi ezinye zezizathu kukungabik­ho kwabadlali ababekhona eminyakeni egqithiley­o nokufika kwabaqeqes­hi abatsha.

Umdlalo uza kunika umdla ngoba iwalter Sisulu ayizukuvum­a ukubethwa kabini izihlandlo zilandelel­ana kwidabi lobukhaya.

Yona ifort Hare ijonge into enye ngoku, ukubethele­la indawo yayo phezulu ukuze yandise amathuba wayo okunyuselw­a kwivarsity Cup yoompondoz­ihlanjiwe embhoxweni weeyunives­ithi zasemzants­i Afrika.

Iqela lasempuma Koloni elingaqhub­i kakuhle kwivarsity Shield kule sizini yirhodes University.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa