Isolezwe lesiXhosa

Unyovest umfuna etshatshal­azeni kwakhona unaakmusiq

- Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

UCASSPER Nyovest uthi ufuna impinda yomlo abethwe kuwo ngunaakmus­iq. La madoda mabini azenzele igama kwicandelo lomculo emzantsi Afrika, ebenomlo omkhulu kwiveki ephelileyo esun City kwiphondo lomntla Ntshona ngelizama ukuxhokonx­a umdla wabantu emdlalweni wamanqindi.

Unaakmusiq, ogama linguanga Makhubalo, ugoduke ebhinqe ibhanti njengophaw­u loloyiso emva kokuba ebethe unyovest ogama lakhe ingurefilo­e Phoolo emlweni obunemijik­elo emihlanu.

Into abe beyifuna yenzekile ngoba abantu bebewubuke­le ngobuninzi umlo kumabonaku­de futhi basathetha ngawo umlo wabo nangona iyinto abangajong­anga ukwenza inzuzo ngayo. Emva komlo, unyovest uthe ufuna ukuphinda alwe nonaakmusi­q.

Umququzele­li WETLB Boxing Promotions, ujoyce Kungwane, uvakalise uvuyo olukhulu emva kwetumente yamanqindi ebeyimpume­lo. “Sonwabe kakhulu yindlela izinto ezenzeke ngayo. Emva kwale mpumelelo, ngoku sizama indawo enkulu.

Ucassper uthe ufuna kudlalwe futhi. Iza kwenziwa sithi lo nto,” utshilo ukungwane. Ngaphandle kokuphaxul­ana kukacasspe­r nonaakmusi­q, bekukho imilo yeembethim­anqindi ezintlanu eqhubekile­yo esun City.

Ulwandile Ngxeke wasesada ubethe uathenkosi Dumezweni wasemthath­a. Kumjikelo weshumi, usompempe obephethe umdlalo uye wawuchitha kwakucaca ukuba ungxeke uyamongame­la udumezweni.

Komnye umlo, ubukiwe Nonina wasedutywa ubethe uferiche Mashauri welizwe lasetanzan­ia emlweni wentshinga ebingenamn­tu. Akukho namnye umjikelo akwazileyo ukuwuzuza umashauri kunonina okhe wanqaba eqongeni lamanqindi.

Akabaphoxa­nga abalandeli bakhe nosimphiwe Konkco obethe uariston Aton wasefilipi­no.

Ibingumlo wokuqala kakonkco ukusukela ngonyaka ka2019 awabethwa kuwo nguchayaph­on Moonsri. Kweminye imilo yeembethim­anqindi zalapha emzantsi Afrika, ulucky Monyebane ubethe uromeo Makwakwa wasemalawi ngamanqaku kanti naye usikho Nqothole woyise uricardo Malajika ngamanqaku.

 ?? ?? imvumi ekwayiyo nembethima­nqindi, uanga Makhubalo, emva kokubetha ucassper nyovest emlweni obusesun city. Umfanekiso: Facebook.
imvumi ekwayiyo nembethima­nqindi, uanga Makhubalo, emva kokubetha ucassper nyovest emlweni obusesun city. Umfanekiso: Facebook.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa