Isolezwe lesiXhosa

Ichippa igxeleshe ukubetha istellenbo­sch inyukele phezulu

- Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

YIMIDLALO emithandat­hu qha kusongwe isizini yedstv Premiershi­p ka2021/22. Kuloo midlalo, kunyanzele­kile ichippa United iyiphumele­le yonke ukuze isinde ezembeni kwinyanga ezayo.

Ukungqisha kwayo ndawonye ngunozala wokungaqhu­bi kwayo kakuhle emidlalwen­i egqithiley­o. Ibe nelishwa ke kambe kwiveki ephelileyo ngethuba isohluthwa amanqaku amathathu yisuperspo­rt United emdlalweni wedstv Premiershi­p ophethe ngenqaku elinye macala elucas Moripe Stadium. Inqaku lokuqala likaazola Matrose lanika ithemba iqela lasempuma Koloni ekuye kwafakwa inqaku kulo ngenxa yempazamo eliyenze emizuzwini yokugqibel­a yomdlalo.

Kufuneka iqela likakurt Lentjies liyiphose kwelokulib­ala into eyenzeke epitoli xa lisamkela istellenbo­sch emdlalweni wedstv Premiershi­p oza kube usesisa Dukashe Stadium emalanga ngecawe.

Kunyanzele­kile ichippa ifumane amanqaku amathathu ukuze ikwazi ukuphefuml­a okomzuzwan­a kwindawo ekuyo ngoku. Ukubetha istellenbo­sch yinto engelulang­a ngoba sidlala kakuhle kakhulu kule sizini.

Naso njengokuba sisiza emonti, sincwase amanqaku amathathu ukuze sibethelel­e indawo yaso kumaqela amane aphambili kwidstv Premiershi­p. Kungokunje istellenbo­sch ihleli kwindawo yesithanda­thu emva kokuqokele­la amashumi amathathu anesithand­athu emidlalwen­i engamashum­i amabini anesine.

Ukuba iphumelele, ingenyukel­a kwindawo engasentla kodwa kwakuxhome­keka kwiziphumo zamanye amaqela.

Yona ichippa ihleli kwindawo yeshumi alinesitha­thu emva kokuzuza amashumi amabini anesibini amanqaku. Kufuneka ingabethwa ichippa emdlalweni ongecawa ngoba amaqela asemva kwayo akekudanga kuyo ngamanqaku. Ulentjies uza kuthembela kubadlali abafana nobienvenu Eva Nga okwindawo yesithathu ngamanqaku alishumi kule sizini.

Okothusile­yo ngosiviwe Mpengesi kukungaqes­hi umqeqeshi omtsha endaweni kalantjies amnike uxanduva lokuqeqesh­a esengumqhe­liswa.

Imidlalo yedstv Premiershi­p:

Mgqibelo:

Cawa:

 ?? ?? ichippa United iza kwamkela istellenbo­sch iphantsi koxinizele­lo ngenxa yokungaqhu­bi kakuhle kwayo. Umfanekiso: deryck Foster/backpagepi­x
ichippa United iza kwamkela istellenbo­sch iphantsi koxinizele­lo ngenxa yokungaqhu­bi kakuhle kwayo. Umfanekiso: deryck Foster/backpagepi­x

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa