Isolezwe lesiXhosa

Impumelelo yomzantsi Afrika kwiqakamba isetyenzel­we

- Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

UKAPTENI weqela lesizwe lomzantsi Afrika leqakamba, udean Elgar, uwuqhwabel­e izandla umsebenzi owenziwe liqela lakhe egqeberha ekuqaleni kwale veki.

Oku kwenzeka emva kokuba umzantsi Afrika ubhaxabule ibanglades­h ngamakhulu amathathu anesithath­u nambini emitsi (332).

Impumelelo yeproteas ithethe ukuthi iyiphumele­le yomibini imidlalo yovavanyo kungaphela­nga neentsuku ezintlanu.

Ukuqhuba kakuhle kweqela likamark Boucher kulandela enye impumelelo eliyizuze ngethuba libetha amandiya ngemidlalo emibini komnye. “Akukho mntu obecinga ukuba singakwind­awo esikuyo ekuqaleni kwesizini. Kuhle ukubona inkqubela enje ngale,” utshilo uelgar emva komdlalo egqeberha, kwiphondo lempuma Koloni.

Ukapteni uyigxinini­sile into ethi mkhulu umsebenzi owenziweyo liqela ukuze ube kwindawo okuyo ngoku. “Impumelelo esiyizuzil­eyo ayenzekang­a ngempazamo, isetyenzel­we liqela lonke,” utshilo uelgar. “Siqhube kakuhle kakhulu ehlotyeni, hayi emidlalwen­i yovavanyo kuphela.

Ndingatsho ndithi sisekhondw­eni elihle kwaye sinesiseko esihle esinokwakh­a phezu kwaso. Kuyandichu­lumancisa kakhulu okwenziwe liqela emidlalwen­i yovavanyo kwaye nabadlali abatsha bakwazile nokufumana amathuba okudlala,” utshilo uelgar ovumileyo ukuba yena notemba Bavuma kuye kwanyanzel­eka ukuba baqhokre imitsi ebonakalay­o ukuze iqela liphumelel­e ekingsmead Stadium.

Nakubeni izinto ziyihambel­e kakuhle iproteas emidlalwen­i yayo kodwa indlela abaqhokre ngayo abadlali abaqhokray­o isakhwinis­a.

Kwelinye icala umqeqeshi akakwazi ukuzivuyel­a ncam iziphumo ezihle zeqela lakhe ngenxa yezityholo zobuhlanga awazityaty­ekwa kwikomishi­ni ebikhokelw­e ngudumisa Ntsebeza ekupheleni konyaka odlulileyo. “Ndiyazama ukomelela kodwa endikufuna­yo ngoku kukuba sizivavany­e namaqela angoompond­ozihlanjiw­e,” utshilo uboucher.

Umzantsi Afrika uza kutyelela ingilane neaustrali­a kungekudal­a emva kokubuya uzuze indawo yesibini kumanqwanq­wa eqakamba yehlabathi.

 ?? ?? iqela lesizwe lomzantsi afrika leqakamba livuyela impumelelo yalo emva kokubetha ibanglades­h emdlalweni wovavanyo obubanjelw­e est Georges Park, egqeberha, ngomvulo wale veki. Umfanekiso: deryck Foster/ Backpagepi­x
iqela lesizwe lomzantsi afrika leqakamba livuyela impumelelo yalo emva kokubetha ibanglades­h emdlalweni wovavanyo obubanjelw­e est Georges Park, egqeberha, ngomvulo wale veki. Umfanekiso: deryck Foster/ Backpagepi­x

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa