Isolezwe lesiXhosa

Isandla sikaluckee­z emculweni kwakhona

- SIM FREDDIE SIMPHIWE.FREDDIE@INL.CO.ZA

UMSASAZI womhlobo Wenene FM, uluckeez Matyolweni, ukholelwa ukuba ayinguye owakhetha umculo, kodwa ngumculo owakhetha yena.

Ebethetha oku encokolela I'solezwe lesixhosa ngengoma ayinxaleny­e yayo ethi Ntombozuko.

Le ngoma ngekatorna­ndo weqela lemaskandi, Amawele kamamtshaw­e.

Lo msasazi, odume ngelikaluc­keez Mfowethu kwiikona zomculo, uthi wafumana le ngoma kutornado, owayefuna ayibeke indlebe ngelokukha­ngela ukuba ingafanele­ka na ukudlala kwiindawo zomjuxuzo.

“Ndamxelela ukuba andinokwaz­i ukuyidlala, ndaze ndabacela imvume yokuyixuba (remix), ndilungise­lela iseti yam. Baye bavuma, bathumela amazwi ayo, ndawathume­la kude'moss ukuze ayilungise­lele Amapiano. Emva kokuya phambili nasemva node'moss kwakunye nosince Nineteen89, saye savumelana ekugqibele­ni ukukhupha uversion 2.0 wayo,” kubalis uluckeez.

Uthi le ngoma, eligwijo lesixhosa, ingendoda ezama ukuthuthuz­ela isithandwa sayo esinxungup­heleyo.

Uluckeez uthi le ngoma yabhalwa ngudj Miz yaze yaculwa ngutornado wamawele kamamtshaw­e.

“Ngoku inesandi esitsha, ibass line, ulungelelw­aniso lwesigubu nokunye okuninzi. Umsebenzi wam kule ngoma bikukuyini­ka isandi esitsha esilungele abaphulaph­uli abathe xhaxhe, ndize ndichonge neqela lokwenza oko,” kutsho uluckeez.

Uluckeez waziwa ngengoma ethi 'Ukuthand' izinto ayisosono'.

Uthi ebekhe wanqaba emculweni emva kokuzibhaq­a ejamelene noxinzelel­o lwengqondo ithuba elide.

“Bendingekh­o esimeni esihle ngokwasemp­ilweni iminyaka eliqela, kunyaka ophelileyo ndiye ndabuyela ekuvelisen­i umculo nasekujuxu­ziseni abantu. Ndiye ndakha istudiyo sam somculo kwakhona kwaye kulapho ndichitha khona ixesha elininzi,” utsho.

Uluckeez uthi kufike ixesha lokulandel­a into ayithanday­o, umculo.

Lo msasazi wetop 20 yomhlobo Wenene FM ukwabhenge­ze ukuba ukwanalo nohlobo lweafro-house lale ngoma ethi Ntombozuko nalwenze nethe House Omens yasegqeber­ha.

Uluckeez Mfowethu uthi mninzi umculo osendlelen­i kuba wonwabile ngokwasemo­yeni.

“Umculo omnandi omninzi kuba ndikwindaw­o apho ndiziva ndithandwa ngokwenene. Uza kubakho ke nomculo obuhlungu ngenxa yezinto endihlanga­bezene nazo kwanezo ndisajamel­ene nazo.”

Uluckeez uthi nanjengoko engumqambi weengoma, akhona amazwi ambalwa akholelwa ukuba sele eneengoma zawo kwistudiyo sakhe. Uluckeez ukwadize ukuba unengoma esendlelen­i ethi 'Sizophumel­ela'.

Ukwathi angathanda ukubhalela iimvumi ezifana nozonke Dikana, uamanda Black nodumza Maswana.

Untombozuk­o sele efumaneka kwiivenkil­e zeintaneth­i.

 ?? ?? Uluckeez Mfowethu ubuyela emculweni ngengoma etshisayo UMFANEKISO: UTHUNYELWE
Uluckeez Mfowethu ubuyela emculweni ngengoma etshisayo UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa