Isolezwe lesiXhosa

Incwadi yesi Xhosa ibhaliwe

-

UMnu. Vuyani Nkunzi ongomnye woosozilwi­mi kwisixeko sasekapa, okwalilo nelungu le Bhodi yesizwe kwisixhosa (Isixhosa NLB) kwibhodi yesizwe ejongene nazo zonke iilwimi emzantsi Afrika (Pansalb) kunye nelungu kwiyunithi yesichazim­agama (Isixhosa NLU ), okwalilo nelungu lolwimi kwiforamu yephondo entshona Koloni (PLF ) ubhale incwadi enesihloko esithi: ULWIMI ISIXHOSA NENKCUBEKO YIMPAKATHA NODIZA.

Iphepha lokuqala lalencwadi lilungisel­elwe ukufundisa abafundi abenza unyaka wokuqala abaseyuniv­esithi kwisebe lesixhosa, lizakufund­iswa abantwana abenza unyaka wokuqala.

Apha kulencwadi kuzabe kushukuxwa ukuba yintoni na ulwimi kwaye zintoni na iimpawu zolwimi ngokwegram­a, umzkl. Ifonotike nefonoloji, iprosodiki, ifenomiki, imofoloji, isintaksi nesemantik­i kunye nemofofono­loji, uqabaniso, izifaniso, njalo njalo.

Icacisa nangenkcub­eko ukuba yintonina,zithini iimpawu zayo, yintoni umahluko phakathi kwesiko nesithethe, idlule iphinde ichaze apho ulwimi ludibana khona nenkcubeko.

I-dyunivesit­hi yentshona Koloni,fort Hare, Inelson Mandela Metropolit­an Univesithi nefree State Univesithi zibonakali­se umdla walencwadi.

Ilontshi yalencwadi yenziwe ngomhla we-30 ka Epreli 2022 kwilokishi yakwalanga eguga Sithebe .

Sithi Huntshu Gebane ngokukhuli­sa ulwimi lwethu nenkcubeko yethu.

 ?? ?? Incwadi ebhalwe ngu Mnu Vuyani Nkunzi
Incwadi ebhalwe ngu Mnu Vuyani Nkunzi

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa